Kuthandazelwe amadimoni eMthatha

Ngamabandla angaphezulu kwamashumi amathathu aqhube umthandazo kwibala lezemidlalo eMthatha kulandela iingxelo zokuba izikolo zale ngingqi zonganyelwe yimimoya emdaka equka amakhubalo, amadimoni nezinye.

La mabandla ebebambisene namasebe karhulumente afana nelophuhliso lwentlalo yoluntu.

Nangona nje umsitho ubeyimpumelelo, kodwa abafundi bezikolo zikarhulumente akhange babonakale nangetshengele emva kokungakhululwa lisebe lezemfundo.

Sisikolo esinye kuphela esikhulule abafundi, naso sesabucala iMthatha Christian School.

UThembinkosi Ntongana ongusihlalo wamabandla ohlukeneyo eMpuma Koloni uthi bathathe isigqibo sokuqhuba lo mthandazo ukukhalimela imimoya ehlasela abafundi ezikolweni zeli phondo.

“Iinjongo zethu kukugxotha imimoya emdaka ezikolweni, sijongene neengxaki ezitshabalalisa ikamva labantwana noluntu. Nangona kunjalo sidanile sisigqibo sesebe sokungavumeli abafundi bazozimasa lo mthandazo kuba sincedisana nalo eli sebe elisengxakini, sizothi gqolo sithandaza,” utsho uNtongana.

Amapolisa ommandla waseMthatha athi ayalixhasa eli phulo liokuncedisana nawo kwimeko yasezikolweni.

UWarrant Officer Dineo Koena wamapolisa aseMthatha uthe: “Mhle lo mbono nangona isebe lezemfundo lingumqobo endleleni. Umzekelo alikhululanga abafundi baze eMthatha Stadium kodwa kuncediswana nalo.”

“Xa isipolisa siyogqogqa ezikolweni umntu wokuqala ongavumiyo yinqununu, ithi kuchithwa ixesha lesikolo, kodwa kwakophulwa umthetho kubizwa amapolisa. Isebe malikhe lizijonge ukuba kutheni lineengxaki ezingaka ezikolweni,” utshilo uKoena.

Isebe lezemfundo lithi iphulo lihle, kodwa alikhange lixelelwe iphondo ngalo mthandazo. UGqirha Soyisile Nuku weli sebe uthi, abaququzeleli balo mthandazo abakwazanga kuthetha nesebe lezemfundo ephondweni, kwaye akhange baqukwe kubaququzeleli kuba isithili asinagunya lakukhulula abafundi. Amaqumrhu abucala aquka i-UCR fm, isebe lophuhliso lentlalo yoluntu namanye anike inkxaso kulo msitho.

Abazali bebephume ngobuninzi babo ukuzozimasa lo mthandazo.

isibhalo@inl.co.za