Baphume ngobuninzi babo abathandi nabaxhasi bombutho weANC phantsi komasipala ombaxa iChris Hani ngeCawe ukuza kuthandazela uzinzo noxolo ngomhla wolonyulo.
IChris Hani ihambela bonke oomasipala bayo, owokugqibela umthandazo uzakubanjwa eLukhanji ngale Cawa siya kuyo.
Nangona eli qela lizithembile ukuba liza- kuphumelela, usodolophu weChris Hani uMxolisi Koyo uthi umtyholi uyathanda ukuthatha amathuba angenelele apho engafuneki khona.
Olu dlwabevu lomthandazo belukhokelwe ngabefundisi bebhunga leenkonzo nabathi izinto ziyaphumelela xa kukhokheliswe undikhoyo phambili.
UKoyo uthi injongo yokuvula iqonga kubefundisi bengumbutho weANC bafuna ukuphelisa uluvo lokuba lo mbutho awudibani nobuKrestu.
Ukwamemelela ukuba abantu kunye neenkokheli zabo eziza kubamela zithethane kakuhle ngendlela enesidima nemvisiswano.
Usihlalo weANC kwingingqi yaseChris Hani nongumgqatswa wokuba ngusodolophu walo masipala umbaxa uKholiswa Vimbayo kunye nonobhala walo mbutho ephondweni uOscar Mabuyane bebeyinxalenye yalo mthandazo.
Usodolophu waseNgcobo ozakushiya kwesi sihlalo emva kolonyulo uLamla Jiyose ukhumbuze abantu ukuba xa bevota ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo bakhumbule imvelaphi yabo.
‘’Akukho rhulumente ukhathalela abantu njengorhulumente weANC, ngumntu ovelaphi ke ngoku othi akaqinisekanga ukuba uzakuvota na okanye uza kuvotela bani, kodwa uyawubona umahluko kwindawo ahlala kuyo, khumbulani enikwenzelweyo nithethe ngenikufunayo umbutho wenu uzakunenzela’’ utsho uJiyose.
Emva kokuyaleza ezi nkokheli kophezulu zicelelwa amandla nobulumko abantu bonwatyiswe ngomculo, eqongeni kungqisha uLusanda noBetusile Mcinga.
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa