Kuthatyathwa amanyathelo ngejaji elihlazo

ZIFIKELELE kwiKomishini yeeNkonzo zoMthetho kweli iJSC, izikhalazo ngejaji yenkundla ephakamileyo eMntla Rhawuti uMabel Jansen.

UJansen utyabeke onke amadoda antsundu kweli ngelithi, azizidlwengu ezidlwengula iintsana ziseneminyaka emihlanu.

Oku ukuthethe kwincoko ebiphakathi kwakhe noGillian Schutte olitsha-ntliziyo lentlalo yoluntu kwikhasi lonxibelelwano iFacebook.

Kule ncoko, uJansen ukwathe, ayikho intwazana enstundu engekabilixhoba ngethuba ifika kwishumi elinesibini leminyaka, kwaye oku kwenzeka ngemvume yabazali abangabasetyhini abathatha amadoda abo njenganelungelo lokudlwengula iintsana zabo.

OkaSchutte uyikhuphele elubala lengxelo kwakumakhasi onxibelelwano, esithi sekuphele unyaka ukususela oko wathi wafaka isikhalazo kwiJSC kodwa akaboni manyathelo.

Ngenjikalanga yayizolo iJSC ikhuphe ingxelo ethi ifumene isikhalazo kwigqwetha eliyintloko yombutho wamagqwetha alwela iinguqu kweli, uVuyani Ngalwana.

Sekungenelele nemibutho yezopolitiko, imibutho yasekuhlaleni, noluntu ngokubanzi kwikhwelo lokuba uJaji Jansen asuswe esihlalweni.

Inyathelo lokususa ijaji liqala ngekomishini ezakuphanda ngokuziphatha kwayo, iqukumbelwe ziivoti zamalungu ePalamente.

IJSC ibongoze uluntu ukuba lithobe amaxhala, livumele iinkqubo zayo zithathe inxaxheba.

Ikwathe ifake isicelo kumphathiswa wezobulungisa kweli uMichael Masutha ukuba, okaJansen abekwe kwikhefu elongezelelweyo.