Kuthe xibilili kwixhoba lodlwengulo

ITYALA liphelile, umenzi wobubi ugwetyiwe, ngoku ixhoba linemibuzo yokuba ingaba likhuselekile na.

Oku kusemva kokuba inkundla yamatyala eMotherwell, eGqeberha, igwebe uApostle Luthando Matodlana emva kokumfumana enetyala lokuxhaphaza ngokwesondo ityendyana elinama31 eminyaka ubudala.

UApostle Matodlana, 44, wayeneminyaka engama35 ngethuba esenza oku, ngelixa lona ixhoba lakhe lalinama22 eminyaka ubudala kuloo nyaka ka2013.

Kuthiwa unyawontle lo nexhoba badibana kwiqonga lonxibelelwano, uMXit ngeyoMqungu ngo2013.

Nangona kuthe qabu kwixhoba nanjengoko liphelile ityala, kodwa lithi lisoyikisela ubomi balo.

“Ibiluhambo olunxaphisayo nobelunzima, belusoyikisa kwaye lusothusa. Ndidlule kwiingqinamba ezinzima ngokwasengqondweni nasenyameni, bendisoyika kwaye ndisoyika nangoku,” kutsho ixhoba lincokolela I’solezwe.

Uthi amanwele aqala mhla uMfundisi wathi wathumela abantu kokwabo ukuze bazokumothusa.

“Bendihlala ndibhekabheka oko wathumela abantu ukuba bazokundigrogrisa, bebesithi ‘mandiyeke ukudlala ngeempilo zabantu kuba ndiza kufa!’

“Nezigrogriso bezisenziwa libandla lakhe, besithi bafuna ukuthumela abantu bandibethe kanobom ngokumosha ubomi bukaMfundisi.

“Kwakhona, izigrogriso bezisuka kumaqonga onxibelelwano, kusithiwa ndilixoki!” kubalisa ixhoba.

Ixhoba lithi lonwabile ityala liphelile nje kuba liza kutsho liqhubele phambili nobom.

“Kungoku nje ndiza kugxila esiqwini sam nasekuphileni kwam. Kufanele ndiqokelele ubomi bam kwakhona,” kutsho ixhoba.

Lithi alizisoli nakancinane ngokubhentsisa impathombi elayifumana kuMatodlana.

“Ngokuphumela elubala ndicinga ukuba ndithumele isilumkiso nakwabanye abefundisi abafana noMatodlana.”

Ixhoba lithi lonwabile lo Mfundisi weLove is God Ministries efunyenwe enetyala, kuba beqinisekile ukuba eli linge lokumsa ezinkundleni alizokuphumelela.

Ixhoba liqhuba lithi ngokuvula ityala belingenanjongo zokutshabalalisa lo Mfundisi, kodwa belifuna ukudlulisa oko kwenzeka kulo ukuze libe nokuxola emphefumlweni.

“Ndandingazokuvula tyala kodwa ngenxa yezigrogriso kwanyanzeleka ndibhenele emapoliseni,” litshilo.

Kwiveki ephelileyo, uMatodlana ugwetywe iminyaka esixhenxe eqamele ngenqindi entolongweni.

“Bendingakhathali nokuba begwetywe iminyaka emibini, ebendikufuna kukuthetha inyaniso nje kuphela. Ingathi kothulwe umthwalo emagxeni am liphelile nje eli tyala,” kutsho eli xhoba.

Eli tyendyana lithi amandla okulwela inyaniso liwafumene kwinkxaso ebeliyifumana kumalungu eLGBTQIA+, abantu elibaziyo kuquka nabo bangalaziyo.

Lo mfana uthi kodwa kwakobo bantu bebemxhasa, bakho abo bebeman’ ukus’ ulwazi oluthile neenombolo zakhe kuMatodlana ukuze amngcungcuthekise.

Ixhoba lithi basekhona abakholelwa ukuba uMatodlana umsulwa nangona nje efunyenwe enetyala, lithi oku kubonisa inkohlakalo yabantu.

“Andazi bamxhasa njani umntu ongakhange azisole ngakwenze kum,” kutsho ixhoba.

Ixhoba lithi lisazithe gu bucala ukuya kwiindawo zolonwabo de lizive likhuselekile.

Licebise abo badlula kwiimeko zempathogadalala ngelithi mabaphume phandle bathethe kuba ukuvala umlomo kuyingozi.

Ixhoba liphumele elubala ngesi senzo ngenyanga yeSilimela, inyanga ebekelwe bucala abo bathandana besini sinye.

Lithi abantu mabalumke xa bedibana nabantu abangabaziyo, mabakhethe iindawo zikawonkewonke kwaye babafunde abantu phambi kokudibana nabo.

Likwathi abo bageyi mabazithande, bazigade, kwaye baphile ubomi babo bokwenyani, bangaphili inkohliso besenzela abo babathiyileyo abantu abageyi.