Kuthengw’ emithiyo ngenethole erenkini!

Oonotekisi baseKhayelitsha bazimisele ngokumangalisayo emsebenzini wabo wokuzisa inkonzo ephucukileyo kubaxumi babo.

Umgangatho wenkqubo yabo uphezulu kunento elindelekileyo kwirenki yesiqhelo. EKhayelitsha akuqatyeliswa ngaphezu kwenani elimiselweyo, umqhubi owophula loo mthetho uyohlwaywa ze lowo mntu ungowenani elingaphezulu othulwe.

Abantwana besikolo balinda bodwa kusasa kwiiruthi ababaninzi kuzo, baqatyeliswe kuqala kunabantu besiqhelo. Kukho nenkqubo yamakhadi, endingekayilandeli kakuhle ke yona.

Kwiimbombo nakwiziphambuka ezixakekileyo bayagadwa abaqhubi abamisa nabanqumla ngokungafanelekanga, beduba uzinzo. Amagosa erenki avukela ezindleleni ngaphezu kokuleqa iipleyiti zooMaRhadebe baserenkini esibazi ngazo oonotekisi.

Andikayiboni inkonzo enje nakweyiphi na indawo esendikhe ndakuyo. Ubukhulu becala oonotekisi soloko benentsobi yobundladiya. Tatalahote bonotekisi baseKhayelitsha okwakaloku nje!

Kambe ke, oko ndawothamelayo umcimbi waserenkini, susela kwandisengumqhubi, irenki iyafana nezinye iinkalo zomsebenzi. Inenkcubeko nenkolo yayo.

Inkolo entsha yabaqhubi bemigama ephakathi kweKapa neMpuma Koloni kukuba abawalayishi amathanga xa kusukwa emakhaya. Bathi ayayiwisa itekisi!

Ebendiwaphathelwe yinkosikazi yomzalwana wam eCala afike ehlatyiwe onke; umqhubi uthe uwakhupha ubuthi bokuwisa iitekisi. Ndaza ndakuva zwindini!

Umqhubi umiselwa umyinge wemali amakayenze ngosuku, kwaye oko kuchaphazela umrholo wakhe. Ukungena kwakhe emva kwevili kunkenteza umyinge wosuku engqondweni yakhe. Ukuzinza ukufumana akube ewenzile umyinge wakhe. Bakuhlawula abaqabeleyo ucinga ngomthwalo olandelayo hayi ngalo sele imali yawo ingakuye. Unegunya azinike ngokwakhe lokuhamba ngaphaya komgca otyheli.

Abaqabeli abaleqa emisebenzini bayavuya xa umqhubi enkcunkcu kumgca otyheli, ezidlula zithe thutsu emizileni ezinye iinqwelo zibase amaduntsu kukunyathelwa kweziqhoboshi.

Makabanjwe ke esenza leyo nto; abaqabeli bayamhewula bemlwisa ukuba ubefuna ntoni na kumgca otyheli iyiyole nje indlela kwaye eyazi ukuba iyabambisa leyo nto! Batsho bekhalazela ukulityaziswa ngumqhubi ngobuhiba bakhe. Kwangaxeshanye, umqhubi ongahambiyo kumgca otyheli akafunwa ngabaqabeli, bathi uyacotha. Bafondini!

Balixabisile ixesha abalichitha endleleni kuhambo lwabo abaqabeli. Umqhubi obafikisa kwangexesha apho baya khona, enokuba baluqale emva kwexesha na uhambo, bamqhwabela izandla.

Ukufika kwangexesha nakubeni unduluke emva kwexesha kuthetha ukuqhuba ngesantya esingaphezu kwesimiselweyo.

Kwakuhla intlekele ke ubuya agxekwe umqhubi, ukanti naxa kufikwe emva kwexesha; kodwa xa kufikwe ngexesha uyanconywa enokuba oko kungokwaphula imigaqo yendlela na. Yimamalatile!

Kwezi zaseKhayelitsha ndiqabela kuzo xa ndiphangelayo, omnye wabaqabeli, ingakumbi ohleli ecaleni komqhubi, uqokelela imali yentlawulo ayidibanise ayinike umqhubi.

Oku kwenzelwa ukonga ixesha, umqhubi angene evilini aqhube angaqali ngokuqokelela imali njengoko kwakusenziwa kuqala. Kukwafunwa agxile endleleni angabali imali eqhuba.

Ithi yakungapheleli ke le mali okanye kusakubakho ingxaki ekubuyiseleni iintsalela zabaqabeli ibe ngunomji. Lo unceda abanye, enceda nomqhubi iba ‘yindibeleke ndikrwempa’ yakhe leyo, ejikelwa nanguloo mqhubi na kakade, kube ngekankulu ukuba kungaphakanyiselwana amakhwapha.

Uninzi lwabaqabeli luyasizila ke esa sihlalo sisecaleni komqhubi ngenxa yale ngxaki. Abaqhubi sele bayenza isiko ukuba ohleli kuso ayibeleke ikrwempa ngokunga yena akahlawulanga nje ngabanye.

Nabaqabeli ngokwabo, wakungavumi ukubala imali kubeni uhleli kwesiya sihlalo bakudla ngamazinyo, bakubuze ukuba ubufuna ntoni na kweso sihlalo kanti akukwazi ukubala imali!

Inene akukho id’ ingasengwa ngenxa yobusaqhaga! Imizi yona iyafana, yahluke nje ngeentlanti; ukuba imbiz’ igxek’ iketile nangona zihlal’ eziko zombini yinto engena kuncedwa! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.