Kutheni amantombazana esoyika xa efikelela exesheni?

Amantombazana ananinzi aselula ngeminyaka afikelela kwithuba lokuya exesheni, bengenalwazi lululo ngokwenzeka kubo. Abanye babo banolwazi olungelulo lokuba xa uthe wafikelela exesheni kungenxa yokuba ulele nenkwenkwe.

Yilonto ebangela ukuba abaninzi bephela bezifihla ebazalini, kwaye besokola bangabinaziqhusheki kungenxa yokubanolwazi oluncinci.

UKhanyisa Gcasamba (17) webanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iTsholomnqa eMonti ngomnye wabafundi abafunyanwa seso sehlo. Le ntwazana ithi yaqala ukuya exesheni ineshumi elinesibini leminyaka (12) kuphela. Yaphathwa luloyiko ukuqala kwayo kuba engayazi eyenzekayo.

Oku kuvele ngethuba iFuzie Masualle Development Foundation ibambisene ne-ofisi yenkulumbuso yeMpuma-Koloni kwakunye neshishini lakwaClicks betyelele kwesisikolo ngeliyokunikezela ngeziqhusheki zangaphantsi (Sanitary pads). Kolu tyelelo bakwakhuthaze nabafundi bebanga leshumi ngezakhono abanokuzilandela emva kokuphumelela ibanga leshumi.

UGcasamba ohlala noninakhulu kule lali, uthi wayengayazi nokuba kubethwa abaphi ngokwamehlelayo ekulominyaka.

“Ndandisebaleni sidlala ibhola esikolweni ngethuba indehlela, zange ndichaze nakutitshala wam ukuba kwenzekeni ndaphuma ndinentloni ndinjalo. Zange ndichaze kuba ndicinga ukuba umntu xa enje ulele nenkwenkwe. Kodwa ngoku sendimngala ndiye ndizihleke ndithi ndazisokolisa ndazikhulisa kabuhlungu kuba idaliwe lento.”utshilo uGcasamba

Ababafundi banikwe iipenti ezizakuhlala iminyaka emithandathu kolutyelelo lweFMDS nezizakubenza ngcono ubomi babo. Ezi penti uyakwazi ukuyivasa yome uphinde ubuyele kuyo yenziwe ilungiselelwa imihla enje.

UMasualle uthi kuye kuthwa ububele buqala ekhaya kodwa yena uqalise ekude nekhaya kuba okona kubalulekileyo kukuba kwindawo okuyo uqhakaze.

“Kubalulekile ukuba wolule isandla apho ukhoyo ngalomzuzu unako. Njengoko ndingumama wephondo ndinoxanduva lokuba ndijongane nephondo lonke hayi indawo yasekhaya. Imiceli mngeni abanayo ekhaya banayo nalapha,” utshilo uMasualle.

Uqhube wathi, ukuqala apha namhlanje kwanokuqala ngezikolo zamaphandle kukuba nam ndiyayazi intsokolo egagana nabantwana ezikolweni xa besexesheni kuba ndakhulela emaphandleni nam. Bona abantwana abasemaphandleni abakwazi kufikelela kwizinto ezininzi kwaye baye boyike ukuhlekwa abanye baphele bengazi nasesikolweni ngentsuku zabo.”

UMasualle ukwathe inkxalabo yeyokuba ababafundi baphela bengezi esikolweni ngezontsuku, kodwa noxa kunjalo abahlelanga kumakhaya abo, batyhutyha ilali. Ukwakhuthaze amantombazana esithi ukuba yintombazana liqhayiya, umntana oyintombi lithemba ngakumbi xa ukhuliswa unesiseko.

Ukanti notitshalakazi wesikolo uNobubele Ntshele uthi, waqalisa iphulo apho ekunye nabanye ootitshalakazi ngokuthi babethe kubo epokothweni bazithenge zihlale zikhona esikolweni eziziqhusheki, kuba belungiselela abo bathe bafikelwa yile ngxaki phambi kwexesha.

Inqununu yesikolo uMkhuseli Jubati ubulele ngeli phulo, ebongoza ukuba namaphulo ajolise kumakhwenkwe, nabeyinxalenye kolutyelelo.

Ubalule iziyobisi njengomceli mngeni wabafundi, watsho esithi abanye bakhuliswa ngoomakhulu ngelixa abanye bazintloko zamakhaya abo.