Kutheni iinkokeli zingazazi?

Kukho umntu owakhe wasithumela umyalezo esithi yena uqinisekile ukuba okaKhongolose zange ucwangcise ngokwaneleyo kumba wokulawula ilizwe, umbutho lo ngumbutho nje owawusilwela inkululeko ongazange uzilungiselele ukuphatha izwe lethu.

Xa namhlanje sibona iingxelo ezithi kukho ukungaqiniseki ngomongameli olandelayo kuye kucace gca ukuba inene, mhlawumbi, umbutho lo kaKhongolose awucwangcisi ngokwaneleyo. Bekumele ukuba banemithetho yombutho ecacisa gca ukuba kungena bani emva kobani xa bekutheni.

Le yokuba sive sele kusithiwa usekela mongameli onguCyril Ramaphosa akunyanzelekanga aphathe emva kukaMongameli Jacob Zuma yenye nje yemizekelo ebonakalisa ubuyozoyozo bemigaqo yalo mbutho. Ukusukela koka-1994 oko kwangena oosekela-mongameli emva komongameli. Kutshintshe ntoni ngoku?

Size nalapha ephondweni lethu laseMpuma Koloni. Kulo nyaka kulindeleke utshintsho, akwaziwa nokuba inkulumbuso – uMasualle uzakushiya isikhundla okanye uzakuphakamisa isandla athi “ndicela ukuphinda” kodwa esikwaziyo yeyokuba akekho kuluhlu lweenkokeli ezibekelwe ukuphatha eli phondo; kukho ooOscar Mabuyane, Mlibo Qoboshiyane, Stella Ndabeni-Abrahams, Andile Lungisa nabanye.

Asikeva nto ngegama likaSakhumzi Somyo ongusekela sihlalo kaMasualle.

Kanti xa umntu kusithiwa lisekela lomnye ayithethi ukuba sele ejongelwe isicoco emva kwalowo uphetheyo? Hayi?

Kulungile, ukuba ayihambi njalo kwakunyanzeleka icaciswe le nkqubo ngoba ngoku kusiya kucaca ukuba ipolitiki yeli ihamba ngokuba ubani ufuna bani hayi ngemigaqo-siseko yemibutho leyo.

Kubanzima ke ukusebenza nokwakha isizwe xa kunzima kwa ukuvana ngokuba kuzakuphatha bani. Nalowo uthe wakhethwa akazokuthandwa nguye wonke umntu, yiyo lo nto kufuneka le mibutho iqingqe imiqulu emisela ukuba kungena bani emva kobani. Emven’ koko baqhube ngomsebenzi wabo. Iyasilibazisa le yokube sixoxa izinto ezinje.