Kutheni sizifulathela izikolo zethu?

Into endiyiqaphele kwizikolo zamabanga asezantsi kwiphondo leNtshona Kapa nePhondo leMpuma Kapa iyandixhalabisa. Bendisihla ndinyuka nezinye iingcali sihlola sikwaxhobisa abafundisintsapho abasaqeqeshwayo, ukuze bazuze izakhono ezincomekayo ekufundiseni.

Oku kuxhalaba kwam kubangelwe kukuqaphela ukuba amanani abantwana abafunda ezilalini angaphantsi kubantwana abafunda ezidolophini. Izizathu zoku ke ziliqela kwaye ziyavakala, nangona zikho ezingaginyisi mathe ncam kum.

Kubazali endixoxe nabo ngalo mba, bambi bathi kulula ukufikelela ezikolweni kumntwana osedolophini kunalowo usezilalini nasemaphandleni.

Batsho besaleka ngelithi, “uninzi lwabantwana abahlala ezilalini bahamba kangangeyure ukuya kwiiyure ezine ukuze bafikelele ezikolweni.”

Oku bakutsho bethelekisa nemeko yezikolo ezikufuphi neelokishi ezidolophini, kangangokuba nokuba isikolo saselokishini sesithe qelele, izithuthi zikawonkewonke zixhaphake kangangokuba umntwana angasokoli ukuya kufikelela esikolweni.

Andifunanga kungena nzulu kulo mba, kodwa ndiphose nje ilizwi elithi uninzi lwethu bakwazileyo ukunyamezela ukuhamba imigama emide ukuze sifumane imfundo, loo meko isifundise nokuzimisela kwanokunyamezela, kangangokuba side sifumane nemfundo enomsila.

Sikwezi ndawo sikuzo nje, abanye bethu babehamba iikhilomitha ezine ukuya kwezintlanu sisiya ezikolweni.

Ewe, imfundo yasedolophini inezixhobo noovimba abafumaneka lula, kodwa intobeko, inzondelelo kwanokwenza izinto ngenkuthalo, ndicinga ukuba zezona nqobo zobomi nemfundo ezifumaneka kakhulu ezilalini xa bendithelekisa kolo hambo lwam.

Ndijikelezile ke ngoku nakwezi zasedolophini izikolo, ndaphawula nenye into endoyikise kakhulu ngaphezu kwale yokubalekisela iintsana zethu ezidolophini, ziphele ziphoswa yindyebo yobomi basezilalini.

Kwakwezi dolophu kuleqiswa kuzo iintsana zethu, uninzi lwabazali abantsundu luya luzikhupha ngamanani avisayo iintsana zalo kwizikolo zasezilokishini, bafakwe kwizikolo zasemzini ezihlohla ngolwimi lwesiNgesi nolwesiAfrikansi.

Ekuphandeni kwam kuvele izizathu ezibini. Esokuqala nendisivayo kuba siyaluchaphazela uninzi lwethu, sesokuba umntwana esikolweni uthi ukuze athathwe abe uhlala kufuphi nendawo leyo isikolo sikuyo.

Ngenxa yeemeko zempangelo, abanye abazali baphela behlala kufuphi nezikolo zasemzini, nabantwana babo ke baphele bengena kwezo zikolo.

Ingcebiso kwabo bazali ithi nokuba umntwana wakho uyaya kwisikolo sasemzini, zama ukuba xa ebuya esikolweni, uncokole naye kwaye umfundise banzi ngolwimi nesiko lakhe, kuba ezi zizinto ekunokwenzeka ukuba akayi kuzifundiswa ngokupheleleyo kwizikolo zasemzini. Zikho ke nezo zikolo zincomekayo zibafundisayo abantwana isiXhosa ukuze bangasiphunculi.

Isizathu sesibini, nesothusayo, seso sithi abazali bathumela iintsana zabo kwizikolo zasemzini kuba imfundo efunyanwa kwezo zikolo iphucukile kunale yezikolo zethu, kwaye xa besiya kwezo zikolo basifunda lula isiNgesi, nesithathwa njengolwimi olunika umntu amathuba emisebenzi kwanokuqhuba kakuhle xa ekumaziko emfundo enomsila.

Ukothuka kwam sesi sizathu kukuba nangona thina imfundo yethu sayifumana ezilalini kootitshala ababekhuthele bezimisele ngokumangalisayo, asizange siwe nganeno kwabo bafundi babesuka kwizikolo zasemzini, kuba nathi sayixabisa sayikhuthalela imfundo silandela iititshala zethu zasezilokishini nasezilalini.

Xa sibeka isizathu sokuba isiNgesi sinika amathuba omsebenzi, ingaba njengokuba kusanda amashishini aseTshayina kweli lizwe abantwana bethu siza kubasa kwizikolo ezifundisa isiTshayina bayeke isiXhosa?

Ukuba kunjalo, isizwe sakowethu siya kubhanga sihlekwe nangoothekwane! Xa mawethu abantwana babazali abanemisebenzi erhola ngcono njengamapolisa, amajoni, oonesi, iititshala, iimantyi, iijaji, amagqwetha, amadindala, oonontlalontle, oosomashishini bomzi ontsundu besiya kwizikolo zasemzini, mna oku ndikutolika ngelithi imfundo yethu ezuzwa kwiindawo zethu nehlohlwa ngabantakwethu noodadethu, asiyixabisanga.

Ukuze ixabiseke ke, makhe xa sisonke kule nyanga yamafa yoMsintsi, sixoxeni, sibonisaneni ngendlela imfundo yasezilalini nasezilokishini enokuxatyiswa ngayo ukuze iintsana zomzi ontsundu zifunde kumzi ontsundu, zitsho zizazi ncakasana. Ngokuzimisela nangomanyano, oku kungenzeka! Maz’buy’iintsana zethu!