Kutheni uMongameli Zuma engabuseli utywala?

UMongameli uJacob Zumaumfanekiso: sandile ndlovu

“Ndabona ititshala eyayinxibe isuti entle, izigabhela, inxilile. Emva koko ndazixelela ukuba soze ndibusele utywala!” Lawo ngamazwi kamongameli weli uJacob Zuma, enika izizathu ngesigqibo sokuba angaseli utywala.

OkaZuma uthi lo mbono wawulihlazo elamkhokelela kwisigqibo sokuba angabungcamli utywala, ntetho leyo ikhokelele kwisiqhazolo sentsini kwabo bebegcwalise intente.

Ebethetha nolutsha ngeengxaki ezibangelwa butywala kwintlalo yoluntu, ukonqena, intswela-mbeko nokungakwazi ukuzigcina usempilweni kwidolophana Impendle KwaZulu Natal.

Uthe uyazingca ngesigqibo awasithathayo kuba usempilweni, ukhangeleka emtsha kwaye angamelana nayo nayiphi na indoda xa kudlalwa iintonga.

Uthe ulutsha olungabafana oluzinikele etywaleni lujika lube yintlekisa kumantombazana elisancwase ukucela uthando kuwo. Khange aziphathe ezepolitiki, kwaneemfuno zabo bathi makashiye njengomongameli.

Uthe abo bazihloniphileyo abaseli ngokugqithisileyo. “Xa ungazilawuli indlela osela ngayo awuzithandi kwaye awuzihloniphanga.”

Uqhube wathi, “Ukuba uzinkxinkxa ngotywala bungena egazini, bukumosha igazi buphazamise nendlela obona ngayo. Kukwenza ukuba ungayiboni kakuhle indlela, kulula nokuba uwe phantsi. Zazi ukuba awuzithandi xa ungumntu onjalo.”

Ukwathe akayaleli ukuba abantu mabangaseli konke konke. Ukhuthaze olu lutsha ukuba xa lufuna ukuzibandakanya nepolitiki, lungaphumi endleleni yentlonipho. Uthe ukuhlonipha abazali, abantu abadala, iinkokeli zemveli nezopolitiko kukuthobela uThixo ozibeke kwezo ndawo.

Noxa kunjalo usihlalo weANC KwaZulu Natal uSihle Zikalala uthe abo bathi uZuma makashiye bayadlala nje kuba soze yenzeke lo nto.

Uthe uZuma uzakube engumongameli ngethuba iANC isonyula iinkokeli ezintsha, aqhubekeke nokongamela de kufike unyulo olulindeleke ngo-2019.

UZikalala ukhuthaze iintwazana ukuba zizikhusele ngeli xesha leeholide kumadoda amadala nasuka kwezinye iidolophu, “bazakuniqhatha ngemali, ngeminxeba yeeselula ezibizayo, nomoya kuba befuna ukwabelana nani ngokwesondo.”

Uqhube wathi, “Phantsi ngeeBlessers, phantsi ngabantu abondla abantwana bethu utywala, phantsi ngeziyobisi, phambili ngolutsha oluzihloniphileyo! Phambili!”

INkosi yesizwe sakwaNxamalala enguSimphiwe Zuma, ithe urhulumente okhokelwe nguMongameli Zuma makabe nesohlwayo esiqatha kwabo baqhuba benxilile.

“Ndiyakubongoza Nxamalala, nekhabinethi iphela ukuba ndilandise ixesha lomntu owophule umthetho ngokuqhuba enxilile libe ngamashumi amane eminyaka,” itshilo le nkosi yakwaNxamalala.