Kuthinjwe iimphahla ezixabisa izigidi ezisixhenxe eGcuwa

Zixabisa imali engange zigidi ezisixhenxe esinesiqingatha seerandi (R7.5million) iimpahla zokunxiba zomgunyathi ezithinjwe kwishishini elithile kumbindi wedolophu yaseGcuwa.

Ezimpahla zithinjwe libutho lamapolisa ooKhetshe, kwakunye ne-ofisi yesebe lemicimbi yekhaya. Oku kwenzeke kule veki ngethuba eliqela lisenza ugqogqo nalapho liye lafumana igumbi eligcina ezimpahla.

Isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uKhapteni Anelisa Feni, uthi ezimpahla zifunyenweyo ziiteki ezinamagama uAdidas, Nike kwakunye noPuma. Kuye kwafunyanwa neeblukhwe zikaDaniel Hetcher zomgunyathi.

“Kuqalwe ngentsimbi yesixhenxe kusasa olugqogqo. Kungenwe kwelinye igumbi kwafunyanwa kulo impahla eziluhlobo olunye nezo zibhaqwe kwelokuqala igumbi, “ utshilo uFeni

Ukwadize ukuba okwangoku akukabanjwa mntu malunga noku.Ityala lokuphanda liyaqhubekeka.

Oyintloko yooKhetshe kweli phondo uNjengele Nyameko Nogwanya uthe, “Siyikhalimela kabukhali into yokuqhathwa kwabantu ngokuthi bathengiselelwe impahla zomgunyathi logama ababathengisi beyazi ukuba ayizompahla zoqobo ezi. Oku kukwangcolisa needolophu zethu ezihleli zixinene kwazona.”

UNogwanya ukwathe olu gqogqo kusalindeleke ukuba luqhube nakwezinye iidolophu zeli phondo.