Kuthiwa ubhubhile ephila!

UNtombovuyo Cunukelo oliposakazi kuTsolo okhe wanengxaki yokuba kuthiwe uswelekileUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Lo ngunyaka weshumi elinesihlanu ipolisakazi laseNtabankulu, liphila ubom obunzima nobuhlungu emva kokuba lachazwa njengelibhubhileyo, apho lafumana nesiqinisekiso (death certificate) sokuba alisekho kulo mhlab’umagad’ ahlabayo.

Umama wabantwana abathathu nabazukulwana abathathu uNtombovuyo Cunukelo, 47, nosebenza njengepolisakazi kwisikhululo samapolisa kuTsolo, uthi lonke eli shwangusha lamehlela ngantseni ithile ngethuba eyokurhola ebhankini kunyaka ka2006, apho wafika umvuzo wakhe kusithiwa ukhonkxiwe yibhanki kuba esaziwa njengongasaphiliyo.

UCunukelo uthi into yasukela kunyaka ka2003 emva kokuba waye wagcinisa ibhegi yakhe enesazisi (ID) kwivenkile yakwaDiscom kwidolophu yaseKokstad, kanti kwaye kwabiwa i-ID yakhe kwindawo leyo yokugcinisa.

Uthi iminyaka yaye yahamba emva kokuba ebelwe isazisi, akazange aqonde ukuba oku kulahleka kwesi sazisi sakhe kungaze kumfake engxakini elolu hlobo.

UCunukelo uhleli nesiqinisekiso sokubhubha kwakhe kuye awasifumana kwiSebe lezeKhaya, nathi kuthi merhe umbilini akusiphatha.

I’solezwe lesiXhosa limkhangelisile esi siqinisekiso kuba esithi akasazi apho sikhoyo ngenxa yokoyika kwakhe.

“Kuhlale kuthi mirhi umbilini kum, andifuni nokusiphatha esa siqinisekiso sokubhubha, sivuselela kwintlungu endagagana nayo kule minyaka idlulileyo. Ndiyoyika ukusiphatha kuba kaloku ndiyaphila, zange ndabhubha,” utsho uCunukelo.

Uthi ingxaki yaqala ngosuku awayeyokurhola ngalo ekuseni phambi kokuba aye emsebenzini kwibhanki yakhe, apho athi wakhupha okokuqala imali ayaphuma, xa engena ngaphakathi ebhankini kwathiwa imali yakhe ikhonkxiwe kuba kaloku akasaphili.

“Yama intliziyo, yazula intloko ngumothuko, andayazi nokuba mandiqale ngaphi.”

Uthi ekuhambeni kwexesha aye abanjwa amakhosikazi amathathu eKokstad, axoxa, kodwa ityala weva sekuthwa lichithiwe ngo2011, engazi ukuba lachithelwani.

Uthi umcuphi owayephanda ngetyala lakhe wamxelela ukuba oogqirha baqinisekisa ukuba ubhubhile besebenzisana nombutho wabangcwabi uChithibhunga.

“Imingeni endisajongene nayo kule ngxaki yokuba nesiqinisekiso sokubhubha kwam kukuba kunzima ukuba ndifake kwizicelo zomsebenzi kuba andikwazi ukuhlaziya iimpephamvume zam zokuqhuba, kuthwa mandiqalele phantsi kuba ndisavela njengofileyo. Ndayeka phakathi naseUnisa ukufunda kuba iimali zam zazikhonkxiwe, ndingenayo imali yokuqhubeka.”

Uthi waqalela phantsi kuba kwathathwa nempahla yendlu kuquka iisofa zikanokutsho kuba engasenayo imali yokubhatala.

Uthi kwaye kwabanzima nasebantwaneni bakhe kuba babefunda ibanga leshumi ngethuba kusenzeka esi sehlo.

UCunukelo ucela amancedo kuye nabani na onokuthi amphandele le nyewe kubuye iimali zakhe zale minyaka ebengasarholi.

Uthi imali ebeyifumana awayinikwa yinkundla yayiliwaka leerandi ngenyanga, kwaye kwelo waka ebehoye usapho lonke, kodwa izinto zithe zabuyela esiqhelweni nanjengoko uCunukelo erhola imali yakhe yesiqhelo.

Ixhoba lithi linezigulo athi ugqirha zibangelwa luxinizelelo analo.