Kutshintsha ubom kuluntu ngenxa yeUbom Foundation

UZamuxolo Nduna, ingqonyela yeUbom Foundation eBhayi umfanekiso: Uthunyelwe

Eyona njongo yokusekwa kombutho ongenanto yakwenza norhulumente, iUbom Foundation kwinyanga ephelileyo eBhayi, kukuzama ukusondeza uluntu kurhulumente kwaye nalo luxhamle, ingakumbi olo luye lungafikeleli kwiinkonzo zikarhulumente.

Ingqonyela ye-Ubom Foundation, uZamuxolo Nduna, ukudize oku ngethuba encokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Uthi bafuna ukunika ubom kwabo sele ithemba bengenalo, ingakumbi kwiMpuma Koloni iphela.

Uthi lo mbutho bagqibe ekubeni bachonge iintsika ezisixhenxe eziyintloko ezingumcelimngeni ephondweni, eziquka kuzo imfundo, ezempilo, uphuhliso loluntu, izakhono, ulimo, ezoshishino kuquka nezeentlekele.

Uthi baza kunyathela kuzo zonke ezi zingentla bephucula impilo yoluntu, hayi eBhayi kuphela nakumaphandle ephondo.

UNduna uthi baza kungena nakwezemfundo ukuncedisana nesebe ngokuthi kuye iinkonzo kwizikolo ezihlelelekileyo nezisafundela phandle ngenxa yokungabikho kwamagumbi.

“Siza kuya kwizikolo ezihlelelekileyo, sijonge ukuba yintoni na esingayenza ukuncedisana nesikolo eso.

“Siza kuya nasezilalini, size necebo apho kuza kufika oomongikazi nokuba babini kanye, kabini ngeveki ukulungiselela ezo lali zihamba imigama emide xa ziye kufuna uncedo kwiikliniki,” utshilo uNduna.

Uthi kuninzi okubaxhalabisayo, kungoko zibe sisixhenxe iintsika abaza kusebenza phantsi kwazo.

Uthi nomba wembalela ogqubayo, ochaphazela imfuyo noluntu, baza kusebenzisana nombutho osele usaziwa nongenanto yakwenza norhulumente, iGift of the Givers.

UNduna uthi baza kusebenzisana nabo noomasipala basekuhlaleni.

Uthi nangona nje sele benenyanga beqalile, umahluko kwindawo asele betyelele kuzo sele ukhona, kwaye noluvo lwabantu malunga neUbom Foundation luyancumisa.

Kwinyanga ezayo, i-Ubom Foundation iza kube inenkqubo eza kube iyiqhuba eMbizana, apho kwazalelwa khona umama uWinnie Madikizela-Mandela.

Iinkcukacha zale nkqubo ziza kulandela kungekudala, ngokokutsho kukaNduna.