Kutshiswe amadoda amahlanu abhubha kuQumbu

Amapolisa aseSulenkama kuQumbu aphanda ngamatyala amabini elokubulala nelokutshisa emva kokuba indlu enamagumbi amane itshe yaluthuthu itshiswa ngamadoda angaziwayo kwilali yakuKhalankomo eSulenkama. Oku kwenzeke ekuzeni kusa ngoLwesithathu.

Ingxelo ephuma kuKapteni Dineo Koena ithi ngaphakathi kweli gumbi bekulele amadoda amahlanu ngethuba kutshiswa lo mzi ngepetroli, itshiswa ngabantu abangaziwayo.

UKoena uthi amadoda amathathu ebengaphakathi akwazile ukubaleka aphuma engonzakalanga. Kodwa amabini kuwo awasindanga abhubhele ngaphakathi kuloo madangatye.

Unobangela wokuhlaselwa kwesi sihlanu awaziwa, amapolisa ayaphanda. Amapolisa abongoza lowo unokuthi abe nolwazi malunga nesi sehlo eze ngaphambili emapoliseni.


Kusenjalo, kudutyulwe kwabhubha amadoda amabini aphakathi kweminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amathathu kwilali yakwaLink eMthatha.

UKoena uthi abahlali bave ngezithonga zembumbulu kanti kungethuba kudutyulwa esi sibini. Oku kwenzeke ebusuku ngoLwesithathu. Kwindlu yabo kufunyenwe iziyobisi zohlobo lwetik, imandrax kwakunye nemipu emibini. Nakwesi isehlo akukabanjwa mntu amapolisa asaphanda. Unobangela wokubulawa kwesi sibini awukaziwa.