Kutshiswe oololiwe ngelixa kuxoxwa ngokhuseleko lwabo!

Bekulilifu nje elimnyama eKapa ngelixa bekusitsha oololiweUmfanekiso: ARMAND HOUGH / ANA

KUTSHISWE amakhareji asibhozo woololiwe ababini kwisikhululo esikhulu saseKapa ngelixa kanye bekubanjwe iingxoxo malunga nokhuseleko lwabo ePalamente ngoLwesibini.

Idolophu ibigqunywe lilifu lomsi omnyama ngelixa abakhweli beshiyeke bemangalisekile kwibakala le18 nele19 apho bebesitsha khona aba loliwe.

Aba loliwe bonyuse inani laya kutsho kumashumi amane oololiwe abatshisiweyo ukususela ngo2015.

Batshiswe kanye emva kokuba umphathi weMetrorail eKapa, uRichard Walker, ecele ukuba kuqwalaselwe oololiwe ngalo mhla wendibano ephakathi koMphathiswa wezoThutho uBlade Nzimande, iRail Safety Regulator nePassenger Rail Agency of South Africa (Prasa) neKomiti yezoThutho ePalamente, apho bekuza kuxoxwa ngokhuseleko loololiwe.

UNzimande uthe usola unyawo lwemfene ngokutshiswa koololiwe. “Kucacile ukuba kukho igumgedle lokuhlasela oololiwe,” utshilo.

UNzimande uthe usebenzisana noMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele malunga nokutshiswa koololiwe. “Kufuneka sithathe amanyathelo ngokubandakanya onke amacandelo wobulungisa,” utshilo.

UMphathiswa wezoThutho kweli phondo, uDonald Grant, uthe kubonakala ingathi kukho indlela ehleliweyo yokuhlasela oololiwe qho xa kuza kudibana iziphathamandla malunga nokhuseleko lwabo.

“Iyasikhathaza le nto kuba kubonakala ingathi yenziwa ngamabom,” utshilo.

Usodolophu waseKapa, uPatricia de Lille, uthumele umyalezo kwikhasi lonxibelelwano iTwitter othi: “Oololiwe abaninzi batshiswa njee. Kubulawa uqoqosho. Asinakunyamezela ngelixa konakaliswa uqoqosho lwesixeko”.

Ngokokutsho kukaMetrorail, kutshiswe amakhareji angama175 ukususela kuCanzibe ngo2015.