Kutyalwa imithi, ngeenjongo zokukhulisa uqoqosho

Iphehlelelwe ngokusesikweni inkqubo yotyalo lwemithi ngeenjongo zoshishino nokuvelisa imisebenzi engamakhulu khulu eMkhambathi eFlagstaff nezoxabisa imali eyiR113 yezigizi zeerandi.

Olu phehlelelo belukhokhelwa liqumrhu likarhulumente kweli phondo, iEastern Cape Development Corporation (ECDC) libambisene nearhente yophuhliso kwamaphandle ephondweni i-Eastern Cape Rural Development Agency (ECRDA) belubanjelwe eMkhambathi ngolwesihlanu. Ezona ntsika zalo msebenzi kukuvelisa amathuba emisebenzi kubantu beelali ezisixhenxe eMkhambathi.

Le mali ibisongeza kwisibonelelo esisuka kwibhanki yophuhliso DBSA eyiR83 yezigidi zeerandi nesele zikhokhelele ekusungulweni kweeprojekiti ezintlanu ezingu-2 700 hectare eziquka iSinawo, Izizini eMbizana, Mkhambati eFlagstaff, Gqukunqa kuQumbu kunye neSixhotyeni eMaclear ekuxhamleni kwamakhulu abahlali.

Kunyaka mali ophele ngoMatshi, sele kuchithwe imali eyiR56 yezigidi zeerandi kwiiprojekiti ezintlanu. Xa kuphela lo nyaka mali ka2016-17 kuzakube sele kutyalwe iwaka leehakthare (1 000 ha) zomhlaba.

UBuhle Dlulane oyingqonyela ekwiECDC uthi, le nkqubo ikhuthaza ukunyusa uqoqosho lwasezilalini ngokubandakanya abantu baloo ndawo. “Sifake imali eyiR90 yezigidi zeerandi njengesibonelelo kulo nyaka mali uphela ngoDisemba walo nyaka.

“Sifundisa abantu ukuba ityalwa njani imithi, sihlole ubume bomhlaba namaxabiso xa sele le mithi ivuthiwe ithengiswa. Siyayibona inkqubo kwezi projekiti kususela oko sangenelela. Kusadingeka ukuba sibafundise iindlela zokulawula ishishini,” kutsho Dlulane.

UThozi Gwanya oyingqonyela kwiECRDA uthe, olu phehlelo yintsika yeziphumo zokusebenza nzima iminyaka ekuphumezeni iiprojekthi ezintlanu zoluntu, lo gama enye isungulwe kwinyanga ephelileyo.

Uthi bekulula ukwenza lo msebenzi kuba imihlaba ibisaziwa ukuba yeyobani kungekho kutsalana ngawo. Iinkampani ezimbini uSappi no-PG Bison sele ziqhuba ukuthenga le mithi kubahlali bezi lali.

Zizibophelele ekuthengeni umyinge wamashumi asixhenxe emveliso kula mahlathi. Amathuba emisebenzi esele evelisiwe kwiiProjekiti ezintlanu iyi819.

UMlibo Qhoboshiyane ongumphathiswa wesebe lophuhliso lwamaphandle eMpuma Koloni uthe” Sifuna ukutshintsha eli phondo libeyindawo yemigodi ukunyusa uqoqosho lwephondo.

Abantu mabaqaphele ixabiso lomhlaba babone indyebo yeli phondo, kwaye njengesebe sizothenga umyinge wamashumi amahlanu eepesenti koosomashishini abancinane nabaphakathi.

Umsebenzi kula mahlathi uMathembisile Magcakini uthi, akuqeshwa apha ukwazile ukondla usapho lwakhe wagxotha ikati eziko.

Ikumkani yamaMpondo uZanozuko Sigcau uvakalise inkxaso kulo msebenzi ingakumbi ukuveliswa kwamathuba emisebenzi .

Wamemelela ekuvulweni kwezinye kumhlaba wamaMpondo.