Ubhiyozele usuku lukaMadiba ngohlobo olulodwa umasipala waseNelson
Bay Stadium namhlanje.
Lo msitho ubuzinyaswe ngusekela sodolophu
uMongameli Bobani nosomlomo webhunga uJonathan Lawack, abefundisi bakwaLizwi, abahlali
nabantwana bezikolo.
Evula lo msitho, usomlomo walo masipala
uLawack, uthe kubalulekile ukuba
simkhumbule uMandela kodwa singapheleli nje apho, koko sizinikele ekwenzeni izinto ezintle neziphilisa isizwe awayezishumayela nawayemele zona esaphila.
“Singabantu beli lizwe simele ukuba simana
sizibuza imibuzo ethi ukuba wayengekho lo kaMandela besiya kuba yini na
sisisizwe, lo waphakamisa indebe
yehlabathi yokhuphiswano lwebhola yombhoxo ngeminyaka yoo ’90, lo wabiza uxolo ngexesha elalilibi
lokugetyengwa kwenkokeli yombutho wamaKomanisi uChrsi Hani, masizenze zonke izinto sikhumbula ubumnandi asenzele bona
sililizwe,” uthethe watsho.
USodolophu uTrollip, abantu baseMzantsi Afrika bebambisene, banoxanduva olukhulu lokuba baphilele ukwenza
okuhle ngamaxesha onke bekhuthazwa ngumoya wothando nobudlelwane besenza isisa
ngokuqhutywa yintliziyo.
Lo kaTrollip uthe umasipala wakhe
usendleleni yokuqokelela izimvo zabahlali neengcebiso zabo abazakuthi bazibhale
ezincwadini.
“Simema abahlali bethu bazibandakanye kulawulo
lwendawo yabo kuba sikholelwa ukuba lumanyano kuphela oluya kusinceda ukuba
siqhubele phambili siliBhayi.”
Le nkokeli ithe isitatyu sikaMandela sizakujikeleziswa
kwiikona zonke zaseBhayi kusenzelwa nabantu abangazange bambone bafumane ithuba
lokusibamba ngesandla bathabathe nemifanekiso.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!