Kutyunjwe iingcungela zabacuphi bembubhane yoonoteksi eMthatha

Kutyunjwe iqela labacuphi elizakuthi lijongane nolwaphulomthetho lokuhlaselwa kudutyulwe abaqhubi kwanabanikazi beeteksi kummandla waseMthatha.

Eli qela lijongene nokubamba abarhanelwa abo bandakanyeka kwimbubhane engunobangela wokulahleka kwemiphefumlo eliqela yabo bakushishino lweeteksi kummandla waseMthatha.

Le mbubhane iqatsele kwindlela uR61 ukusuka eLusikisiki ukuya eSajonisi, eLibode uyokungena eMthatha.

Kule mpela veki sisuka kuyo sele bebathathu abaqhubi abathe badutyulwa babhubha kula mmandla.

Kwesi sithathu ngumqhubi weteksi onamashumi amane ubudala nothe wadutyulwa yindoda engaziwayo kwindlela uR61 kwilali yaseCorhana eMthatha.

Isithethi samapolisa kula mmandla uKapteni Dineo Koena udiza ukuba le ntlekele yokudutyulwa kwexhoba yenzeke emini ngentsimbi yeshumi elinesibini ngethuba ixhoba lilayishe abantu abasuka eNtlaza eLibode besiya eMthatha.

“Ixhoba limiswe yimoto emhlophe iToyota Corolla engenayo inombolo mbhalo. Kuyo kwehlike amadoda amane ezogqume ubuso angqala ngqo kumqhubi ngeembumbulu emdubula nalapho aye wabhubha kwangoko. Bonke abebekhwele kule teksi basindile,” utshilo uKoena.

Ukanti omnye umqhubi onamashumi amathathu anesixhenxe waseNorthcrest udutyulwe ekwilali yaseMaqanyeni eSibangweni emva kwentsimbi yesixhenxe ngethuba esendleleni eya eThekwini kwakunye nenkosikazi yakhe ngethuba behlaselwa.

UKoena uthi obengumkhweli kule moto udutyulwe wabhubha logama unkosikazi yena ebalekiselwe kwisibhedlele saseMthatha.

Esinye isiganeko sokubulawa komntu kwakule mpelaveki, kukudutyulwa kwendoda enamashumi amathathu anesithandathu ebingumkhweli kwiteksi, nayo idutyulwe yabhubha yindoda engaziwayo.

Oku kwenzeke kwiteksi ibisuka eMthatha isiya eGxulu kude kufuphi naseLibode.

UKoena uthi zonke ezi ziganeko zoyanyaniswa nombhodamo wokubulalana kwabanikazi bezithuthi zikawonke-wonke kummandla waseMthatha neziphaluka.

Obambele njengenkumanda kumapolisa aseMthatha uBrigadiya Nowawethu Makonza ukukhalimele ukubulalana kwabaqhubi beeteksi.

Okwangoku akukabikho mntu ubanjiweyo. Sele bengapha kwamashumi amathandathu ngokwengxelo abaqhubi bezithuthi abadutyulweyo kummandla waseMthatha ukusukela kunyaka ka2015.