‘Kuvakala ngathi umthandazo uphendulwe’ – itsho indoda ephumelele iR102 million

Indoda iphumelele ikhulu elinesibini lezigidi zeerandi (R102 million) emva kokudlala iPowerball. Umfanekiso: Ithuba

Ophumelele iPowerball ezizigidi ezilikhulu elinesibini zeerandi (R102 million) ubange imali yakhe.

Inkampani yongcakazo kuzwelonke i-Ithuba iqinisekise ukuba lowo uphumeleleyo nothenge itikiti lakhe kwi’app yebhanki yakwaFNB uye weza ngaphambili.

Ophumeleleyo uchithe iR100 kwitikiti lakhe.

I-Ithuba ithi lowo uphumeleleyo utyelele iiofisi zabo eMpumalanga ngentsasa yangoLwesithathu.

Uxelele i-Ithuba ngobutyebi bakhe obutsha: “Ndiyavuya. Kusengathi liphupha endiza kuvuka kulo kungekudala,” utshilo.

Lo mntu uphumeleleyo ebekhe waphumelela iR70 000 ngokudlala iLotto ngaphambili kuba engumntu osoloko eyidlala.

Udize ukuba ebenethemba lokufumana ithuba lokutshintsha imeko yakhe yezemali ukuze aqale ishishini nto leyo ibisoloko ingumnqweno wakhe.

“Bendithandazela izigidi ezilishumi elinesihlanu zeerandi (R15 million), imali ebendikholelwa ukuba ingandinceda ndiqale ishishini eliza kunceda usapho lwam.

“Ukuphumelela ikhulu elinesibini lezigidi zeerandi (R102 million) kungaphaya kokuba bendilindele. Kuvakala ngathi umthandazo uphendulwe izihlandlo ezininzi,” utshilo, esongeza ngelithi uzimisele ukunikela ngemali ethile kwikhaya leenkedama.

UMphathi we’Ithuba uCharmaine Mabuza uthe: “Ndibe nenyhweba yokudibana nophumeleleyo, kwaye ndingatsho ngokuzithemba ukuba le mali iya kumntu onombono ocacileyo ngekamva lakhe.

“Injongo yethu kukubonelela ngemali eguqula ubomi enokunceda abaphumeleleyo kunye neentsapho zabo.

“Andithandabuzi ukuba uya kusebenzisa imali yakhe ngobulumko.”

I-Ithuba ikhumbuze abadlali bayo ukuba imali ephunyelelweyo ayitsalwa rhafu kwaye ihlawulwa kwiiyure ezingama72 emva kokufaka ibango.

IOL