Kuvaliwe eBuhlanti naseEastern Beach ngenxa yeKhorona

Indawo yokonwaba eBuhlanti eQuigney yenye yeendawo ezizakuvalwa ngelikhusela uluntu kwiKhorona Umfanekiso: BHEKI RADEBE

USodolophu waseBuffalo City uXola Pakati izolo ubhengeze ukuvalwa koBuhlanti kuquka nonxweme iEastern Beach kwiinzame zalo masipala zokukhusela uluntu kwintsholongwane yeCorona.

Ethetha noonondaba izolo uPakati uthi amagosa alo masipala azakuthi bhazalala ukuqinisekisa ukuba iyathotyelwa imithetho yokukhusela ukunwena kwentsholongwane yeCorona.

Ngethuba sibhala izolo, bekungekabhengezwa bantu bosuleleke yiCorona eMpuma Koloni.

“Noxa nje kungekho zehlo zeCorona ezibikiweyo eMpuma Koloni, asinakuhlala sisonge izandla kuba siyayazi ukuba ilizwe lethu liyanxibelelana. Abantu bakhenketha umhla nezolo.

“Into efunekayo kukuba senze iinzame zokuthintela esi sifo. Sichulumancile ziinzame zeNkulumbuso uOscar Mabuyane ngoMvulo emva kokumilisela ibhunga lokujongana nesi sifo,” utshilo uPakati.

EBuhlanti yenye yeendawo ezitsala abantu eMonti apho kuye kubekho ingxinano ngeempelaveki.

“Sicela intsebenziswano kwimizi yentselo nethengisa ukutya ukuba bathobele le mithetho. Kuyavalwa eBuhlanti ukusukela ngoku kuba ukhuseleko lwabantu bakuthi lubalulekile. Siza kuphinda sivale iEastern Beach neEast London Zoo,” utshilo uPakati.

UPakati ukwacele abo baza kubamba izifihlo kule mpelaveki, nangaphaya, ukuba bathobele imithetho ebhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa yokuba abantu mabangadluli kwikhulu xa bekwindawo enye.

“Sicela abo benza izifihlo ezizakubanjwa kule mpelaveki nangaphaya ukuba zithobele le miyalelo. Emadlakeni siza kuqinisekisa ukuba kuthotyelwa imithetho yokuba abantu mabangadluli kwikhulu.

“Apha kwisixeko seBuffalo City ndimilisele ikomiti yokujongana ngqo nesi sifo. Le komiti iza kudlana indlebe gqolo ukuphefumlelana malunga nesi sifo. Zonke iindibano ezinabantu abangaphaya kwekhulu azikhuthazwa ngumasipala. Siyathemba ukuba abo baceba ezondibano bakuwuthobela lo mpoposho,” utshilo uPakati.

Kusenjalo, iArhente yeMiyezo nezoKhenketho eMpuma Koloni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency) nayo ibhengeze ukuba iyakunqumamisa ukutyelelwa kwemiyezo yayo.