Kuvulwa ishishini leenkuku eQuigney

Wena ungumthandi wenyama yenkuku esemgangathweni ube ubukade uyidinga kummandla waseMonti ingakumbi umhlali waseQuigney uyohlukana naloo ntsokolo ngoku, kuba ngoLwesihlanu esijonge kuye umhla weshumi elinesihlanu kuzakube kuvulwa ngokusesikweni iUrban Farmstall nezakube ishishina ngokuthengisa iinkuku kwistalato iCurrie eQuigney ukusukela ngentsimbi yesithoba.

Eli shishini lilawulwa ngabasetyhini uPumza Dilika ongumlawuli kwakunye noPhakamisa Makonza.

UMakonza uchaze ezinye zezizathu ezibangele ukuba bavule eli shishini ingakumbi elinqabileyo leenkukhu. “Sibone kulithuba kuthi oku ukuba siqale ishishini elinje- ngeli emva kokuqaphela ukuba izinga lamaxabiso enyama ebomvu aphezulu, kwaye nokukhusela impilo yoluntu njengoko sisazi ukuba ebomvu inobungozi, yemhlophe esempilweni,” utshilo uMakonza.

“Abantu esijonge kubo ngokwentsebenziswano ngabantu abangoomathenga ethengisa, oonomarike, iihotele, kwanabo basemakhaya,” utshilo Makonza.