Kuvulwe indawo enikeza ngobisi lwebele kwiintsana

Sele iqhuba indawo egcina ubisi lebele ebizwa ngokuba yi ‘The Breast Milk Bank’ kwisibhedlele iMankweng saseLimpopo nenceda abantwana abancanca ibele abangenabazali, nabantwana abanoomama abafunyenwe zizifo ezenza bangakwazi ukuncancisa.

Injongo yale ‘The Breast Milk Bank’ ikukukhuthaza oomama abasempilweni ukuba bayokunikezela ngobisi labo lebele kwesi sibhedlele, kuzokwazi ukuba kondliwe ngalo abantwana abangakwaziyo ukondliwa ngoonina ngobiisi lebele.