Kuvulwe ityala kwityala

Inkundla ephakamileyo eMthatha ive ukuba, umrhanelwa wesithathu kwityala lokubulawa kwabafundi ababini bakwaPayne, wabethwa ngethuba ebanjwa ngamapolisa.

Umrhanelwa wesithathu uAndiphile Mhlophe (21), wakwaLinke eMthatha, uxelele inkundla izolo ukuba wabethwa lipolisa eligama linguSajini Sikweza, elisebenza eCentral eMthatha ngethuba ebanjwa eFortgale kunyaka ophelileyo. Kunyanzeleke inkundla ivule ityala etyaleni.

Lo mrhanelwa uyinxalenye yabarhanelwa abathathu abatyholwa ngokubulala uCarl George (20) kunye noJack Muller (19) ngoMeyi wonyaka ophelileyo, ngethuba beyozonwabisa eMthatha Dam.

Imizimba yamaxhoba yafunyanwa ilahlwe kwidami laseMthatha kwiintsukwana emveni koko, logama imoto yabo nezinye izinto eziquka izihlangu zazibiwe ngabarhanelwa. Abanye abarhanelwayo nguMkhululi Luwaca (22), Bongani Dephana (22), kwaye basahleli eluvalelweni kususela ukubanjwa kwabo kunyaka ophelileyo.

UAndiphile akhange alixelele igqwetha lakhe ngokubethwa, udize oku ngethuba ebuzwa ngumtshutshisi uMbulelo Nyendwana.

NgoLwesithathu igqwetha lakhe uVusokazi Mncedane, lihlohle ngemibuzo uSajini Mshumi owayeqhuba isithuthi, ngethuba kuyokhonjwa indawo ekwalahlwa kuyo imizimba yamaxhoba kwaLink. Nangethuba igqwetha lakhe limbuza ngokwenzekayo ngethuba ebanjwa ngamapolisa, akhange akuchaze oku.

Uthe watyiswa ngamatyathanga, waphinda wafakwa iplastiki eyayifakwe isipreyi esinopelepele samapolisa, ngethuba engavumi ukuyokukhomba indawo ekwalahlwa kuyo imizimba, kwashiywa kuyo imoto yaba bafundi.

Inkundla kulindeleke iwise isigwebo ngelibango lokubethwa kukaMhlophe. Intsapho zamaxhoba zithi zinqwenela elityala lifikelele esiphelweni.

URhona Muller ongumama kaJack Muller uthi, abarhanelwa bachitha nje ixesha lenkundla.

URhona uthe “Asisoze sixole kukubulawa kwabantwana bethu, sirhalela bafumane isigwebo sobomi ejele. Umntwana wam ubezokugqiba iminyaka engamashumi amabini ananye.

Ukanti uCharles George ongutata kaCarl George uthi, bafuna de ligqitywe eli tyala kuba abarhanelwa benza isikizi elalingeyomfuneko.