Kumalinge okuphucula umgangatho wemveliso yoboya eMpuma Koloni, iSebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle lithe gqolo ukuxhobisa amafama woboya ngezixhobo.
UNkosi Nzululwazi Sigcau wamaMpondo eNtabankulu wamkele ekwavula ngokusesikweni iziko lokuchebela ekunye noSodolophu waseNtabankulu uVukile Mdlelembana.
Ukunikiswa kwala maziko nguRhulumente kunceda amafama woboya ngeendlela ezininzi eziquka ukuba zisetyenziswe njengamaziko okufundisa amafama.
Ukuba nendawo yokuchebela kukhuthaza amafama logama kukwakhulisa imveliso yegusha ezilalini.
UBonakale Mfusi welali yaseZinyosini uthi eli ziko lizakuba luncedo kubo ngaphandle kwamathandabuzo.
“Sineendawo zokuchebela ezingamashumi amane anesithandathu apha kule ndawo kuthiwa kuseBomvini equka nale lali yaseZinyosini, safaka isicelo kuDRDAR sicela ukuba sakhelwe indawo yokuchebela iigusha,” kucacisa uMfusi.
Abaphathiswa abahlukeneyo bela sebe sele bejikeleze kuninzi lweendawo zeMpuma Koloni benikisa ngamaziko okuchebela.
Eli ziko lakhiwe ngemali engaphaya kwesigidi seerandi (R1,3 million) ngeenjongo zokuba aphucuke akhule amafama woboya eNtabankulu.
UMathuwa Mfeka naye uyangqina ukuba ngenene eli ziko lizakuza nenguqu kwindlela abasebenza ngayo kwiinzame zokufuya nokucheba iigusha eZinyosini.
“Zonke izinto zisondele ngoku, besisokola kunetha singxalela uboya apha eBomvini, ngoku kuza kubakho umahluko omkhulu,” kutsho uMfeka.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi