Kuvulwe iziko loluntu egameni likaZandiswa Kilwa eNgcobo

Iziko loluntu iZandiswa Kilwa Multi Purpose Centre, kwilali yaseDeberha eNgcobo

LIVULWE ngokusesikweni lisebe lokuhlaliswa koluntu
eMpuma Koloni iziko lemidlalo neenkonzo zoluntu ezingundoqo
kwilali yaseDeberha eNgcobo ngoMgqibelo.

Eli ziko liza kunceda
iilali ezisixhenxe ngeenkonzo ezifana neyesebe lezekhaya, eyezempilo, uSASSA,
amapolisa, ithala leencwadi, iholo yoluntu, amabala emidlalo kwakunye nendawo
yokugcina abantwana.

IZandiswa Kilwa Multi-purpose
centre exabisa izigidi ezingamashumi amabini anesibini ivulwe egameni longasekhoyo
uZandiswa Kilwa nowayengumdlali webhola yomnyazi. 

Lo kaKilwa wasweleka ngonyaka ka-2013
kwimidlalo eyayibanjelwe eMthatha. Ingxelo yokusweleka kwakhe ichazwa njengengozi yomenzakalo eyenzeka ngethuba kudlalwa, emva kokugilwa ngengqiniba esifubeni ngomnye wabadlali, emva koko wasweleka. Wayekunyaka wokugqibela kw
izifundo zobutitshalakazi.

Uyise uPumezile Kilwa
uthi yimini angasoze ayilibale eyokushiywa yintombi yakhe ebejonge lukhulu
kuyo. ”Namhlanje ndonwabile, noxa ndixhelekile kuba ibiyintonga yam esekhosi
uZandiswa, kodwa uThixo ubeneenjongo ezizezinye ngaye ukuze kuxhamle bonke abantwana
bakwaWadi 6.

Asiqhayisi kodwa
uZandiswa ube yimbewu echumele yonke le ndawo, akuzobuya mphefumlo wakhe kodwa
kozuzwa imiphefumlo emitsha kuvuleke amathuba engqesho egameni lakhe” utsho
uKilwa.

Ukwabongoze abahlali
ngokubanzi ukuba maze bancede bangaxhwithani ngesi sakhiwo, kusetyenziswane
ukuze sihlale simile.

Umphathiswa wesebe lokuhlaliswa
kwabantu ephondweni uHelen Sauls-August uthi isebe lakhe alijongananga nokwakha
izindlu nje kuphela kodwa liphuhlisa uluntu ngokubanzi. ”Silapha kuba siyakhathala,
sitshintsha impilo yabantu ingakumbi ezilalini nanjengoko abantu abaninzi beli phondo
behlala ezilalini. Eli ziko liza kuqinisekisa ukuba abantu abadala abahambi
migama mide okanye baye edolophini xa bedinga iinkonzo, urhulumente uthi
iinkonzo maziye ebantwini” utsho Sauls-August.

Ukwabambe ngazibini
kusapho lwakwaKilwa ngokunika imvume yokusetyenziswa kwegama lentombi yalo
kweli ziko. ”UZandiswa ubeligorhakazi ebelizimisele ngemidlalo nemfundo, elwa
ukusetyenziswa kweziyobisi ngokuzigcina ngemidlalo ndikhuthaza ulutsha ukuba
lulandele ekhondweni lakhe luzigcine luxakekile kweli ziko” uvale ngelitshoyo.

Le mini yeli gorhakazi
igqityezelwe ngemidlalo, owebhola yomnyazi kwakunye nowebhola ekhatywayo.