UYAQALA ngokusesikweni umsebenzi wokwenza izixhobo zokubamba nokulawula amavili (axles) eemoto kulandela ukusungulwa kwentsebenziswano phakathi kwenkampani eza kwenza ezi zixhobo, i-ZF Lemforder SA kwanoMercedes-Benz South Africa.
Le nkampani, iZF Lemforder SA, izinze kwisiza sophuhliso lwezoshishino (IDZ) eMonti kwaye iqashe abantu abangamakhulu amabini okwangoku.
Iza kwenza ezi zixhobo ukuze zifakwe kwiimoto zakwaMercedes-Benz.
“Sixandisa ubukho bethu ehlabathini ngokuvula lo mzimveliso umtsha eMonti. Kwakhona, sikwaqinisa ubudlelwane bethu kwakunye nabo sinaniselana nabo kule ngingqi,” utshilo uGqr. Peter Holdmann, intloko kwicandelo lezobuchwepheshe kwa-ZF.
NabakwaMercedes-Benz South Africa bakuthakazelele ukusebenzisana ne-ZF.
Ingqonyela yakwaMercedes-Benz uAndreas Engling, okwangumlawuli jikelele kwicandelo lwezokuxhonxa, uthe: “Kusemdleni wenkampani yethu ukudala imisebenzi ngokweenkqubo zonaniselwano nentsebenziswano.”
Lo mzimveliso, iZF, iza kuncedisa abakwaMercedes-Benz ukukhawulezisa umsebenzi wayo wokuvelisa izithuthi.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo