Kuvunwe ipayina eNgqushwa

Isebe loPhuhliso lwaMaphandle noLimo eMpuma Koloni (DRDAR) nelikhokelwa nguMphathiswa uNonkqubela Pieters, liqwalasele isicelo samafama amapayina eNgqushwa sokuba kusungulwe iziko lokulungisa amapayina eNgqushwa ukuze amafama nabasebenzi basekuhlaleni baxhamle kulo lonke ixabiso leli shishini.

Ethetha kwisivuno sokuqala kwifama yamapayina eBarthust eNgqushwa, uPieters uthe amafama athi afuna ukulungisa yonke into apha eNgqushwa ukuze ipayina labo lingayi eMonti, ukuze yonke into yenziwe eNgqushwa.

“Yinto esiza kuyiqwalasela njengorhulumente kwaye sisebenzisane namafama kunye necandelo labucala ukuqinisekisa ukuba silungisa yonke into apha eNgqushwa, kudaleke amathuba emisebenzi kubantu baseNgqushwa kwakunye nabantu baseMpuma Koloni.

Kaloku ayingobantu baseNgqushwa kuphela abaza kuxhamla kodwa nabantu baseMpuma Koloni baza kuxhamla kwizinto ezenzeka apha eNgqushwa,” utshilo Pieters.

Ethetha emva kokuvuna namafama, uPieters uthe icebo likarhulumente kukuvelisa ipayina kuwo wonke umhlaba okhoyo olungele ipayina eNgqushwa.

“Ukuba ungajonga zonke iifama zamapayina eNgqushwa, sityale izigidi ezingamashumi amabini eerandi.”