Kuvuselelwa imizi-mveliso eLukhanji

Usodolophu womasipala waseLukhanji uNozibele Makhanda uthi, izakutshintsha imeko yemali yomasipala wakhe emva kokuba etyikitye isivumelwano sentsebenziswano noosomashishini abaphuma eHuain eChina.

Idolophu yaseKomani yenye yeedolophu zeMpuma Koloni ethe yatyunjwa ukuba isetyenziswe ukuvuselela imizi mveliso kweli loMzantsi Afrika.

“Isivumelwano sethu neli gqiza laseChina sindidi mbini, okokuqala kukuba kufuneka kuvuselelwe umzimveliso wokuthunga iingubo apha eZibeleni zize zithunyelwe ngaphandle kwaseLukhanji neMpuma Koloni, okwesibini kukuveliswa kombane ngelanga,” utsho uMakhanda.

Esi sivumelwano siza- kuvuselela umzi mveliso wakudala eQueendustria ngaseZibeleni, itsho ingxelo.

Obu budlelwane buqale emva kokuba lo kaMakanda wathi wenza intetho yakhe ebonisa ngamathuba oshishino anokufumaneka kumasipala wakhe eKapa kweyeDwarha ngo2015 kunyaka ophelileyo.

“Emva kwaloo ngcaciso oosomashishini baseChina baye babonisa umdla wokuza kuvula amashishini abo apha eKomani, ndaza ndabamemela kwindibano yeSouth African Local Government Association eyayibanjelwe eMpekweni ngoNovemba 2015,” ucacise watsho uMakhanda.

Ingxelo ithi, kukule ndibano apho bathi banyukelwa ngumdla wokuza kuzibonela ngamathuba akhoyo kumasipala waseLukhanji. “Umsebenzi wam kukuba ndizise iinkampani zabucala ukuba zize kutyala kulo masipala ukuze kuvuleke amathuba emisebenzi baphangele abantu,” uthethe watsho uMakanda.

Lo sodolophu uthi, unqwenela ukubona amathuba emisebenzi evuleka ngokumandla kumasipala wakhe.

“Asiloxanduva likarhulumente kuphela ukuvelisa amathuba emisebenzi, kodwa neenkampani zabucala zimele ukuba zitsalwe zize kuvula amathuba emisebenzi,” utsho uMakhanda.

Kukho ifama esele ityunjwe leli gqiza laseChina kunye nomasipala apho kuzakupheliswa ukusetyenziswa kombane kusebenze umbane ophehlwe ngelanga.

Lo masipala unengxaki yentswela ngqesho, uMlungisi, Linge, Tylden neWhittlesea zezona ndawo zinabantu abaninzi balo masipala.