Kuvuselelwe iKomkhulu lakudala eNgqushwa

UMphathiswa uFikile Xasa noNkosi Mzoxolo Daluxolo Mrwebo

Ukubekwa kweNkosi yesizwe samaRhawule Mrwebo eNgqushwa, uNkosi Mzoxolo Daluxolo Mrwebo, kubuyise isidima seli Komkhulu latshatyalaliswa ngabelungu.

Ingxelo ithi inkosi yokugqibela ukubanegunya lobukhosi kwesi sizwe yaba nguNkosi Bhekumbi Mrwebo eyathi yathathelwa ubukhosi bayo ngenxa yokungavani norhulumente welo xesha.

UNkosi uMzoxolo Daluxolo Mrwebo obekwe ngokusesikweni kwesi sikhundla, uthi ukubekwa kwakhe kubuyiswa isidima sesizwe sooyisemkhulu.

“UNkosi uBhekumbi Mrwebo wohluthwa ubukhosi ngumantyi ekwakusithwa nguCannon ngenxa yokuba wayejoyinisa abantu ukuba babengamalunge eANC,” ucacise watsho uMrwebo.

Ingxelo ithi oku kwabangela ukuchitheka kweentsapho kwesi sizwe kuba amadoda ashiya amakhaya.

“Emva kokubanjwa kukaBhekumbi Mrwebo ethathelwe ubukhosi, abantu ababemxhasa babanjwa nabo, abanye babulawa, abanye baduka kwade kwanamhlanje,” utsho uMrwebo.

Esi sizwe siphuma kubaMbo baseLubhelu baza kamva bayakuma eNatala, beyindlu yokunene kaRhadebe kaBhungane.

“Sisizwe esiyinxalenye yezizwe ezeza kuma kweli laseNgqushwa sivela ngaseMbo apho ke, itsho imbali,” ucacise watsho uMrwebo.

UNkosi uMzoxolo Daluxolo Mrwebo uzalwa nguNkosi Sebelele, ozalwa nguMema, Mafu, Zulu, Msithi, Mlizane, Mrwebo, Nazo, Mbi, Mthimkhulu, Zibonele,” itsho ingxelo.

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uFikile Xasa, nguye obelingqina egameni likarhulumente weli phondo.

Othethe egameni loMphathiswa uXasa, uMamkeli Ngam, uthi ngumsebenzi wabo ukubuyisa isidima seeNkosi ezathathelwa ubukhosi.

“Thina sigqithisa isiqinisekiso sokuba iNkosi iyiNkosi esemthethweni, oku kwenziwa emva kokwenza uphando olungqinelwa lulwazi lwesizwe eso,” ucacise watsho uNgam.

“Sibubukhosi obuphantsi kweKomkhulu lamaRharhabe eMngqesha, phantsi kukaKumkanikazi uNoloyiso Sandile,”utshilo uMrwebo. Le Nkosi ingena kwesi sikhundla ebe sibanjwe ngunina uNokhelekile Mrwebo ukusukela ngonyaka ka1989.

“UNkosi Bhekumzi Mrwebo waphelela kwelaseFransi emva kokuba wathi wathabatha inxaxheba kwimfazwe yokuqala yehlabathi,” ucacise watsho uMrwebo.

Le Nkosi ithi iza kuphuhlisa uluntu lweelali ezilishumi elinanye eziphantsi kwayo.

“Ukuvuselelwa ulimo yeyona ndlela yokuphuhlisa abantu basezilalini, kwenziwe iindlela ezingena kwezi lali, abantu bazenzele iinkqubo zophuhliso ngenkxaso yethu,” utsho uMrwebo.