Kuvuth’ umlilo e-St Francis Bay

Umasipala waseKouga uvule ityala lokutshisa emva kwesibhengu-bhengu somlilo esiqale ngoMgqibelo, sigqugqisa kwimimandla eliqela e-St Francis Bay kweli phondo leMpuma Koloni.

Lo masipala urhanela ukuba lukhona unyawo lwemfene kulo mlilo. Izolo, bekusabonakala inqwelo-ntaka nebizama ukucima loo malangatya.

Ukusukela ngeCawe, abahlali base-St Francis Bay bayalelwe ukuba baphume kwimizi yabo. Amapolisa aqalisile ukuqhuba ngophando lwawo, ezama isizekabani salo mlilo.

NgoNovemba ka2012, imizi ebalelwa kumashumi asixhenxe e-St Francis Bay yatsha yaluthuthu kulandela umlilo owaqhambuka kwakule ndawo.