Kuwongwa amagqala omculo kwii-SAMAs zalo nyaka

Umlonjikazi weSoprano uPretty Yende

KULO nyaka kumawonga wama-23 weSouth African Music Awards [SAMAs] kuzakube kuwongwa abantu abaliqela, abohlukeneyo kwiqonga lezolonwabo.

Umlonjikazi weSoprano, uPretty Yende, uzakuthiwa jize ngewonga le-International Achiever Award kwiiSAMA 23 ngowe-27 kuCanzibe 2017.

Le ndondo ngeyokuqwalasela igalelo lakhe kwiqonga lehlabathi. UYende, intombi yasePiet Retief eMpumalanga, kuthiwa ngomnye weemvumi eziphambili kumculo weOpera kweli loMzantsi Afrika.

UYende uthwele isidanga kwiziko lemfundo iSouth African College of Music eKapa, waze wathabatha inxaxheba kwinkqubo yeemvumi eziselula eLa Scala e-Italy.

Ngaphandle kokukhwela kumaqonga ohlukeneyo kwilizwe lase-Europe naseMelika, uYende wabelane ngeqonga namagqala kumculo we-opera afana nooAndrea Bocelli. Kunyaka uphelileyo, ukhuphe icwecwe lakhe lokuqala elibizwa A Journey.

Ukhe wavela kwiinkqubo ezifana ne-The Late Show with Stephen Colbert nakwiWendy Williams Show ukubalula kwizinto eziliqela.

Ukanti akuphelelanga apho, amagqala omculo kwiinkalo ezohlukeneyo nawo azakuqwalaselwa – iQueen of Gospel uRebecca Malope, uDon Laka kunye noBabsy Mlangeni bazakuwongwa ngeLifetime Achievement Award.

Ephawula, iCEO yeRiSA [ eququzelela la mawonga] uNhlanhla Sibisi: “Singabaququzeleli siyawahlonipha kakhulu la mawonga. Sikholelwa kwelokuba amagqala ethu akhonze eli qonga ngokungenamlinganiselo, asinika umculo ongabuniyo kufanele angalityalwa yimbali.”

Ii-SAMAs zizakusasazwa ngqo kwiSABC 1 ngemini yomsitho. USomizi Mhlongo noTumi Morake ngabo abazakuphathela ukusuka nokuhlala kwala mawonga.

simphiwe.freddie@inl.co.za