Kuwongwa iiNkokheli zeMveli eMpuma Koloni

UKUTHABATHA inxaxheba kweenkokheli zemveli kumzabalazo wenkululeko, ukugcinwa kwembali, amafa nokuligugu kuthi kuza kuqwalaselwa xa ziwongwa kumsitho okhethekileyo.

Iinkokheli zemveli ezisebenzele uluntu ngokuzinikela, ziza kwamkela amawonga kumsitho weEastern Cape Traditional Leaders Awards (SATLA) oza kubanjelwa eMonti.

I’solezwe likrwece umsunguli wala mawonga uNanziwe Rulashe, oveze ukuba iinkokheli zemveli zisisiseko sedemokhrasi.

“Isizathu sokwenza la mawonga kukubuyiswa kwesidima nokuvuselelwa kothando, ubuntu nemanyano.”

URulashe uqale la mawonga ngo2015, aze amawonga enqila asungulwa ngo2016 kwiKomkhulu likaKumkanikazi Noloyiso. Amawonga ephondo asungulwe kulo nyaka kwiKomkhulu likaKing Zwelonke eNqadu kuGatyane.

Iinkokheli zemveli zityunjwe kwizintlu ezingama23. Iminxeba yovoto sele ivuliwe ukususela ngomhla wokuqala de ibe ngomso umhla wama22 kweyeSilimela 2018.

“Igalelo leenkokheli zemveli ekulweni nenkqubo yobukoloniyali nengcinezelo liyaziwa kwaye liyabulelwa. Iinkokheli zemveli zadlala indima ebalulekileyo kumzabalazo wenkululeko, ukugcina imbali, amafa namagugu esizwe,” kutsho uRulashe.

La mawonga asungulwe ukuze anike ingqwalasela, ukukhuthaza nokubhiyozela ubunkokheli bemveli.

URulashe uthi umbono anawo ngokwenza la mawonga kukugcina isidima, iwonga nobunkokheli obububo.

“Ukuwongwa kweenkokheli zemveli kuza kubonisa ukuba zezabantu, ziyabonakala kwaye ubulumko bazo buza kuhlala bugqamile,” kutsho uRulashe.

Amawonga aza kubanjelwa eHemingways Hotel ngomhla we23 kweyeSilimela/Juni 2018.

UDumza Maswana, Amanda Black noMalizole Fololo baza konwabisa uluntu ngengoma.

Amatikiti afumaneka eComputicket ngeR500.