Kuxakile ukubulawa kwabantu eLusikisiki

Amapolisa aseLusikisiki axhalabile ziziganeko zokubulawa kwabantu zizikrelemnqa ezingaziwayo.

Oku kuza emva kokubulawa kwetyendyana ebelizihambela nesithandwa salo ngokuhlwa kwangeCawe lisuka eJoe Slovo lisiya eDikane kunye nokudutyulwa kukasomashishini obedume ngelikaDaddy kumasango ekhaya lakhe kuNgobabe emva kwentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngoMvulo.

Logama ityendyana elinamashumi amabini anesibini leminyaka liqutyulwe lahlatywa nzulu kathathu emqolo labhubha ngoko nangoko ze babaleka ababulali. UThomas ‘Daddy’ Sihlahla (50) yena wamnkelwe ngeembumbulu ngaphambili kumzimba ongasentla, ngamadoda ekubonakala ukuba ebemlindele kwakhe.

Uthe xa emisa kuba ezovula isango zonda ngaye izikrelemnqa ze wayiyeka inqawa kwindlela ebimleqisa esibhedlela. Ushiya ngemva unkosikazi nabantwana.

Othethela amapolisa aseLusikisiki uKapteni Mduduzi Godlwana uthe: “Iyaxhalabisa into yokubulawa kwabantu ngabantu abangaziwayo wase Lusikisiki kwaye ingumkhuba okhulawo. Singamapolisa sifuna ukuwukhalimela lo mkhuba siwulwe neengcambu zawo kodwa oko kungayimpumelelo xa sinentsebenziswano eliqilima nabahlali. Sibongoza nabani onolwazi ngeziziganeko kunye nezinye asithi thsuphe.”

Uthe kubalulekile ukuba zifunyanwe ezizikrelemnqa ukunqanda ukuqhubela phambili kwalo mkhuba kwaye unobangela awukaziwa.

Uthe amatyala okubulala avuliwe kwaye ayaphandwa.

isibhalo@inl.co.za