Kuxhaywe ixhegwazana lagxothwa kuvoto

Abahlali kwilokishi iNompumelelo belindele ukuvota e Floradale Intermediate School umfanekiso : BHEKI RADEBE

IXHEGWAZANA laseNompumelelo, eBeacon Bay eMonti, belingcangcazela ngumsindo izolo emva kokuxhaywa ngamagosa eKomishini eZimeleyo yezoLonyulo, eyaziwa njenge-IEC, kuba kusithiwa akekho kuluhlu lovoto, bekuthetha oko logama le nkondekazi kudala yavota kwesi sikhululo.

UNontuthuzelo Sontshela (82) uvuke warhuqwa yintombi yakhe uSiphokazi besiya kulonyulo, kodwa wothuke akayikholelwa xa exelelwa ngamagosa e-IEC ukuba bacela agoduke kuba akekho kuluhlu lovoto.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa emva kokugxothwa kwakhe, lo makhulu uthi into emenza ukuba angoneliseki kukuba kudala wavota kwesi sikhululo sinye.

“Ndazalelwa apha eNompumelelo, andiyazi ukuba kutheni ndingekho kuluhlu lovoto kodwa kudala ndavota kwesi sikhululo. Yiminyaka iliqela ndivota apha kwesi sikhululo,” litshilo eli xhegwazana.

Intombi kaNontuthuzelo, uSiphokazi, uthi amagosa ezolonyulo avele athi ayaxolisa kumam’ uSontshela. “Yiminyaka umama evota kwesi sikhululo, andiyazi kengoku xa avele ajikwe. Kolunye uluhlu lovoto uyavela, logama engaveli kolunye,” utshilo uSiphokazi.

Ukuxhaywa kukamakhul’ uSontshela kuyakhabana nenkcazelo ebibhalwe kuTwitter we-IEC, isithi umntu angavota nakwesiphi na isikhululo xa ebhalisile. Umahluko kukuba xa uvota ngaphandle kwephondo ongabhalisanga kulo, uza kufumana ibhalothi enye – ekazwelonke.

Kusenjalo, uNontsikelelo Dickson wakwaNompumelelo uthi yena uvotele ukuba abone iinguqu kule lokishi.

“Sivotela into yokuba urhulumente akhawulezise ukuphumeza isigaba sesibini sokwakhiwa kwezindlu apha kwaNompumelelo. Amagosa karhulumente alapha kufuphi nathi makamamele izikhalazo zabahlali,” kutsho uDickson.

Yena uMzingisi Zom uthi uvotele ukuze akhelwe indlu kwaNompumelelo.

“Ndifuna indlu, kuba kudala ndabhalisa. Ndirenta iR250 ngenyanga etyotyombeni. Ukuba nje urhulumente angathi asakhele izindlu ndingavuya kakhulu.”

UZonke Metsho uthe: “Ukuvota kubalulekile xa ungumntu. Sifuna utshintsho kwanezinto ezintle. Sifuna ukuphuma ematyotyombeni apha eNompumelelo kuba ayanetha.”

UMonica wakwaseNompumelelo uthi bafuna urhulumente alwe umkhuba weZinyoka kule lokishi.

“Sifuna kulungiswe lo nto, kuba izinyoka sibangela ingxaki efana nokutsha kwamatyotyombe ngenxa yeentambo zombane. Izinyoka zisixhalabise kuba kutsha izindlu ngenxa yazo.”

Yena uThembalethu Falithenjwa uthi uvotele ukuba abone utshintsho kwindawo yakhe.

“Ikhona imisebenzi kodwa uninzi lolutsha lwalapha eNompumelelo aluphangeli, nto leyo ebangela ukuba baphele besebenzisa iziyobisi.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za