Zithi zizakukhuthazeka zivelise umculo ngaphezulu iimvumi zeli emva kokuba igosa eliphezulu (Chief Operating Officer) kwiSABC uHlaudi Motsoeneng enyanzelise ukuba kudlalwe umculo wezi mvumi kumaziko osasazo aseSABC.
Iziko leSABC linyanzelisa ukuba kudlalwe amashumi alithoba ekhulwini eepesenti (90%) zomculo weli kwizikhululo zabo ezilishumi elinesibhozo.
“Sifuna ukuba amajelo ethu osasazo olishumi elinesibhozo ajike abelikhaya kubo bonke abantu belizwe loMzantsi Afrika,” ucacise watsho uMotsoeneng.
Imvumi yomculo wesiNtu nokwayimbongi ephume izandla uJessica Mbangeni, uthi oku kuzakuyisusa ikati eziko.
“Ezi ziziqhamo zenkululeko, indlala izakugwetywa ngaphandle kwamathandabuzo, kuba kudala sibulaleka sihlawula iimali ezinkulu kodwa imali ebuyela kuthi ibincinci kakhulu,” uthethe watsho uMbangeni.
Uhambisa athi, konke oku kuzakunika inkuthazo kubo ukuba bacule nangaphezulu kunakuqala ukuze unganqongophali umculo onokusetyenziswa kula majelo.
UMbangeni uthi impumelelo yalo mculo izakuxhomekeka ngamandla kwindlela odlalwa ngayo kumajelo osasazo. “Siyabulela kakhulu kwi SABC ngesi sigqibo, kodwa ngoku yonke into izakuxhomekeka kubavelisi benkqubo ukuba bawudlala ngokulinganayo kusinina umculo wethu,” utshilo uMbangeni.
UBetusile Mcinga oyimvumi yomculo wevangeli uthi, iimvumi eziqalayo zizakufumana ithuba lokuba zolule impiko zazo. “Wona ubudlalwa umculo wethu ingakumbi umculo wezenkolo, kodwa ngoku sizakufumana ithuba lokuba udlalwe kumaziko aliqela, kwaye nathi sinoxanduva lokuba sivelise umculo osemgangathweni ngoku,” uthethe watsho uMcinga.
Ezi mvumi zithi bezinyanzeleka ukuba zihlawule imali ukuze umculo wazo ufumane ithuba lokudlalwa emoyeni.
“Bekubuhlungu kuba kwelinye ixesha ufika kudlawa umculo womnye umntu uxelelwe ukuba wena awufuni kufaka imali omnye lowo ufake imali, noko sinethemba kuzakubakho umahluko,” utsho uMbangeni.
Kwinyanga yoKwindla kulo nyaka iqumrhu elilawula iinkonzo zonxibelelwano kweli i-Icasa likhuphe isigunyaziso sokuba amaziko osasazo oluntu mawadlale umculo weli ubekumashumi amathandathu ekhulwini eepesenti.
Lo myalelo ugunyazisa ukuba amaziko abucala adlale amashumi amathathu anesihlanu ekhulwini eepesenti zomculo weli.
“Oku kuzakunceda amajelo osasazo oluntu, kuba uxanduva lethu kukubalisa imbali yeli lizwe ngonomathotholo, umculo weli udlala indima ebalulekileyo kwelo phulo,” utsho uMotsoeneng.
Konke oku kuzakunika ithuba kwindidi ezahlukeneyo zomculo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro