Kuxhotyiswa amanina kwa Eskom

UNtombi Mafumbatha, uCollin Reddy noElsie Pule kumcimbi wakwaESKOM eMonti Umfanekiso: Michael Pinyana

Amakhosikazi
angabasebenzi bakwa Eskom kweli leMpuma Koloni afumene ithuba lokuba azigobhe
amacala ngokunxiba ezakwanokutsho impahla logama exhotyiswa ngendlela zokukhula
nokuphumelela emsebenzi wawo. Le nkampani yenze oku phantsi kwephulo layo
elibizwa ngokuba yiEskom Women Advancement Program Launch ejolise ukukhulisa
amanina abasenza kulenkampani. Igosa eliphezulu kulenkampani uElsie Pule uthi
eli liphulo labo likazwelonke elijolise ukutshintsha nokukhulisa amakhosikazi
asebenza kwa Eskom. ”Eliphulo siliqale ngo 2013 ngenjongo zokulwa ingxaki
yokungafakwa kwamakhosikazi kwizikhundla eziphezulu kwa Eskom, siye safumanisa
ukuba nabo balinikwayo ithuba kwezizikhundla bayaxinga kwezinye indawo,”uthethe
oko uPule. Lo msitho ububanjelwe eChristian Centre eAbbotsford eMonti.

 U Pule uthi
lamanina adityaniswe apha nge njongo zokuba axhotyiswe ngendlela ezahlukileyo zokubakhulisa
ukuze bangoyiki uthatha izikhundla eziphezulu. ”Sinezithethi ezahlukileyo apha
ezixhobisa amakhosikazi ngezakhono ezahlukileyo ugqirha Penny Mkalipe
ubaxhobise kumxholo othi “ikakade lam, ifuthe lam kwintlalo yanamhlanje”, zonke
ezi zinto zizama ukuba khupha kwimeko yokuzoyikisela emsebenzini wabo,”ucacise
watsho uPule. La makhosikazi athi amanina asoyika ukukhula kwimisebenzi efana
nenzululwazi bekhetha ukwenza imisetyenzana elula kulenkampani nakwezinye
inkampani. ”Sinamashumi amahlanu ekhulwini epesenti abasebenzi abangamadoda (50
%), logama sinamashumi amathathu kuphela epesenti ekhulwini lamanina (30%),
lonto sifuna ukuyitshintsha,”uthethe oko uPule.

 Ukanti
osisithethi salenkampani yakwa Eskom kweli leMpuma Koloni uNtombi Mafumbatha
uthi isinxibi salamanina besisetyenziswe ukuzama ukunyusa umoya wabo.”Abasebenzi
bethu basoloko benxiba impahla zokusebenza ingakumbi abo baphuma ngaphandle,
banxiba amaquza nezinye zokusebenza, ngoko ke sibanike ithuba lokuba bakhe
banxibe kakuhle ukuze bazive bengamakhokazi,”uthethe watsho uMafumbatha. Uthi
bajonge ukubavuselela umoya wabo ukuze bakhuthale emsebenzini wabo wemihla
ngemihla. Le nkqubo sele isuka kwamanye amaphondo eli loMzantsi Afrika.