Kuxhotyiswa ulutsha ngendlela yokuziphatha

Ulutsha lwelali yaseCorana cebu kuhle kwidoluphu yaseMthatha oluzibiza ngokuba yiCorana Concerned Youth lwenze iphulo lokuxhobisa ulutsha lwala lali ngobungozi bokusetyenziswa kweziyobisi kusuku lwayizolo kwisikolo iNcipizeni JSS.

ULwando Kawe ongomnye waba bantu batsha uthi bakwenze oku kuba beqaphele ukuba ulutsha lwala lali luzibandakanye kanobom kwiziyobisi nto leyo ikhokhelela kulwaphulo mthetho kwanokungakhuseleki kwabo bonke abahlali belali yase- Corana.

“Eyona nto engumnqweno wethu kukuba ulutsha lwale lali lutshintshe kwaye ibelulo olukhokhela inguqu nempucuko kwiimeko zokuphila kule lali,” utsho oka Kawe. Oka Kawe uthi zininzi izinto abasazimisele ukuzenza beleli qela ukuza neenguqu kule lali yaseCorana.

Ukanti lo msitho ubuzinyaswe ngamasebe karhulumente ahlukeneyo kuquka isebe lezemfundo, isebe lezendlela nemisebenzi yoluntu kwakunye nesebe lophuhliso loluntu.

Umnumzana Nakasa okhokhele isebe lezendlela nemisebenzi yoluntu kwingingqi ye O R Tambo ngethuba enika amazwi enkxaso uthe ulutsha maluyazi ukuba ikamva lalo lisezandleni zalo ngako oko maluzikhwebule kwizenzo ezigwenxa.

Lo kaNakasa uthi kule lali zikho iimpawu zendawo ekuthengiswa kuzo iziyobisi kwaye lulutsha oluzaziyo maluqinisekise uba ziyasuswa ezo -mpawu. Ukwathi iziyobisi azisetyenziswa ngabantu abahluphekileyo kuphela nanjengoko ulutsha lwase- Corana lubange ngelitshoyo. UBabalwa Mtumtum webandla elibizwa ngokuba Iibandla Lase Mthini Evangelical Movement, obesisithethi sembeko kulo msitho, uthe ulutsha malubonalalise umbulelo ngenkululeko oluyixhamlayo eyalwelwa ngamaqhawe esizwe soMzantsi Afrika kukho nempalalo gazi.

ukwamemelele kubazali ukuba bathathe uxanduva ngabantwana babo bangonwabeli ukumana befumana izinto zokutya nezekhaya bengazazi ukuba zisukaphi.