Kuxhotyiswe ulutsha ngezakhono yiRevelation Church

Babonakalise ukulithakazelela iphulo lokuxhotyiswa kwalo ulutsha lwaseMontiumfanekiso: Abongile Ginya

Ukuthatha unyaka ubemnye ungenzi nto emva kokuphumelela ibanga lakho leshumi akusiso isisombululo kuba ufanele ukuyazi usekwibanga lesithoba ukuba uza kwenza ntoni xa sele uphumelele uGrade 12.

La ngamanye amazwi aphume kwizithethi ebezikhuthaza, zikwabonisa abafundi baseDuncan Village, Dayisi, Mdantsane kwakunye naseReeston ikhono lowo anqwenela ukulilandela xa ethe waphumelela uGrade 12.

Oku bekusenzeka kwinkonzo iThe Revelation Church Of God kaMprofeti S.B. Radebe eNorth End eMonti.

USokhana-thina Vela (17) waseDayisi ophumelele ibanga lakhe leshumi kunyaka ophelileyo, uthi kuninzi athe wakufunda ngolu suku, limvule kakhulu ingqondo, watsho esithi ngoku uzozazi ukuba makaqale ngaphi kulo unyaka elungiselela unyaka ozayo wokungena eyunivesithi.

Okwalulutsha, obezimase lo msitho wecandelo lezakhono uMvuyisi Pewuli, uthe ufunde ukuba okokuqala akufuneki ude ube uyafunda ukuze uyaphumelela ebomini, ungakwazi ukuphakama kwangoku uzenzele into ngegama lakho.

“Kule imihla sicinga ukuba into ingokuya eyunivesithi kuphela. Xa uthe wazivulela into yakho awuzukhula wedwa uzokhulisa nabanye,” kutsho uPewuli.

Uthi uza kubuyela kwakhona kwezoshishino apho ebekhe wabamba khona.

Obephuma kwezomthetho obekhuthaza ulutsha uLuzuko Tshingana, ubonise ulutsha ngamathuba okungena kwezomthetho ekwababonisa nangezinto anokuthi azilindele ngaphakathi kule minyaka isixhenxe xa ufundela ubugqwetha.

Ubakhuthazile esithi ukuba into uyayithanda kwaye uyayifuna yikhuthalele unyamezele oko kwakwenza uvune iziphumo ezihle.

Umququzeleli womsitho okwalilungu leRevelation Church of God uBeauty Nodada, ubulele uluntu esithi kokokuqala ngqa bewenza umsitho onje kodwa uluntu lubonakalise ukuwuthakazelela umsitho lo.

UNodada uthi umprofeti wabo uzama ukutshintsha ingqondo zabantu abamnyama zisuke kwingqondo yengcinezelo.

Uthi wonke ubani uyalingana eAfrika, akukho nto yabantu bebala elithile, nawe ungakwazi ukuxhamla. Sisusa ukuba abantu abakhonzayo bajongelwa ukuthandaza kuphela kodwa akunjalo, eyethu inkonzo ikwakhulisa, iphuhlisa ulutsha lonke, hayi olwalwe nkonzo kuphela,” utshilo uNodada. IRevelation Church of God yinkonzo engakuvaleli amasiko wakho ekubeni mawungawenzi uligqirha, umziyoni, wamkelekile kuyo kwaye unxibe nangohlobo okholwa ngalo.