“UKUGXOTHWA kweentatheli yiSABC ayikokuvala nje ilungelo lokuhanjiswa kweendaba, kukophula umgaqosiseko woMzantsi Afrika, kunyhasha nenkqubo yedemokhrasi kweli.”
Lawo ngamazwi kaSam Mkokeli ongusihlalo ojongene namalungelo eentatheli kumbutho wabahleli beendaba kweli iSANEF.
UMkokeli ukuthethe oku emva kokugxothwa kweentatheli kwiziko lwakwaSABC. Ezi ntatheli ziquka uLukhanyo Calata, Krivani Pillay, uJacques Steenkamp, uFoeta Krige, uSuna Venter, uThandeka Gqubule, noBusisiwe Ntuli.
Ezi ntatheli zaveza uluvo lwazo elubala ngelichasene nezigqibo ezithathwe ligosa eliyintloko kweli ziko uHlaudi Motsoeneng ovale ukuboniswa kweendaba ezibonisa udushe lasesidlangalaleni elifana nokutshiswa kwezakhiwo zikarhulumente. UMkokeli ukuchaze oku njengolawulo olugwenxa.
Uqhube wathi, “Siyi- SANEF sizakubhalela ikomiti yonxibelelwano ePalamente ukuba ixovule umba weSABC, kuba awuphelelanga kuphela ekugxothweni kweentatheli, uHlaudi ukwesa sikhundla ngokungekho mthethweni, kwaye iSABC idele isigwebo seICASA egwebe ikhaba inyathelo leSABC.”
UMicah Reddy wentshukumo iRight2Know echasene nemfihlo kulwazi oluluncedo kuluntu uthe, “Asothukaka lulawulo olugwenxa likaSABC, kudala ibonakalisa ukungathobeli imithetho yeli.”
Ukwathe, “Sizakuqhubekeka sixhasa ezi ntatheli, ngethemba lokuba nezinye iintatheli zakwaSABC zizakuphumela elubala. Siyayazi ukuba zisebenza phantsi kwemeko embi.”
Ukanti iDA ibibambe umngcelele woqhankqalazo kumasango ePalamente ngelikhalazela ulawulo olungwenxa kwaSABC.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023