Kuyatsha ukutya emasimini

Ingcali yezoqoqosho lezolimo uWandile Sihlobo.

Ngenxa yengqatsini yelanga ehlasele uninzi lwamaphondo oMzantsi Afrika kwinyanga yoMdumba, ayancipha amathemba esivuno esihle.

Amaqondo obushushu ahamba nemimoya ebandayo ahlasele ngamandla kumaphondo alima umbona, ingqolowa, ujongilanga kunye nezinye izityalo zasebusika

Iizanuse zezulu zityhola imoyezulu uEl Nino nje ngonobangela wengxaki etshabalalisayo. Ingcali yezolimo kweli engumlawuli kwa-AgriBiz, uWandile Sihlobo, uyangqina ukuba ngenene imeko imbi emasimini.

“Ngenxa yemvula enqabileyo ukusukela kule nyanga sikuyo, okwangoku ayikacaci imeko yesivuno sezityalo ezivunwa ebusika, kodwa sihleli ethembeni,” kucacisa uSihlobo.

Amaphondo aquka iMpuma Koloni, Mpumalanga, Mntla Ntshona zezona ndawo zihlaselwa ngamandla yimbalela. “Ukutsha kwezityalo ezifana nombona, ujongilanga nezinye sele ziqalile ukubonisa iimpawu zembalela,” uhambisa atsho uSihlobo.

Ukunkcenkcesha ngaphandle kwemvula akwenzi mahluko kwezinye izityalo kuba zifuna ngamandla amanzi wemvula.

“Nangona likho ithemba lokuba kuzakubakho imvula kule nyanga yoKwindla, kodwa ukuba ingaqalisa ekuqaleni kwenyanga ingenza umahluko,” kutsho uSihlobo.

Amafama atyale umbona phambi koDisemba wonyaka ophelileyo asindile ngenxa yokuba umbona wawo sele ugqibezela ukuvuthwa.

“Amafama ayakubasengxakini kakhulu ngalawo angenazo izinto neendlela zokunkcenkcesha izityalo, kodwa imvula ifuneka ngamandla,” kucacisa uSihlobo.

Ukusinda kwemveliso engekatshi emasimini kuxhomekeke ngamandla kwimvula enokunetha phambi kweveki yesibini kwinyanga yoKwindla.

Ezi lahleko zenzeka ngelixa amafama ejongene namaxabiso aphezulu amafutha kuquka namaxabiso ezichumiso nezinye izinto ezidingwa ngamafama.

USihlobo ubhale incwadi engezolimo ebonisa ukungalingani ngokwezimali phakathi kwamafama amhlophe namnyama.