Kuyavotwa eBotswana

Ilizwe laseBotswana lizakuba liqhuba unyulo lukazwelonke ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga ngelikhangela iinkokeli ezifanelekileyo.

UMongameli wela lizwe uMokgweetsi Masisi uzakuba ekhuphisana nabantu abathathu abakwiinzame zokumkhupha njengoMongameli.

Umbutho kaMasisi, iBotswana Democratic Party, iphethe ela lizwe ukusukela ngonyaka ka1966 emva kokuba lifumene inkululeko yalo kwiBritane.

Ela lizwe linabantu abakwizigidi ezibini nesiqingatha kwaye lixhobe ngobutyebi beyona dayimani iphambili kwihlabathi. “Ilizwe laseBotswana linembali yokuba noyenarhulumente uzinzileyo ungenazingxaki kwihlabathi, sijonge ukuqhubela phambili neenkqubo zophuhliso,” kutsho uMasisi.

Ukanti iinkokeli zemibutho ephikisayo zikholelwa ukuba iBotswana Democratic Party sele iphethe ixesha eligqithisileyo kwela lizwe, ngoko kudingeka iinkokeli ezintsha, itsho ingxelo.

“Sizimisele ukuqhuba neenkqubo zethu zophuhliso ngeenjongo zokunika abantu ithuba lokuba bathathe inxaxheba kwezezimali, urhwebo noshishino laseBotswana,” kucacisa uMasisi.

Omnye wemisebenzi eyenziwe nguMasisi kucenga inkampani yemigodi iDe Beers ukuba incedisane nophuhliso lwabantu baseBotswana ukuze kuguquke impilo yoluntu.

“Siphelise imiqathango ibithintela ukuzingelwa kweendlovu, injongo yoku kukuba bazingele bathengise abantu baseBotswana bangenise imali ezipokothweni zabo,” kutsho uMasisi.

Kukwangexesha lakhe apho kwenziwa iinguqu kwiimveliso ezithile zolimo ebezingavumelekanga ukuba zingene eBotswana – namhlanje ziyangena logama ezinye ziphuma ngaphandle kwela lizwe.

USomlomo wePalamente yeli, uThoko Didiza, kutshanje utyelele eBotswana ukuya kuthethana norhulumente wela lizwe kwimicimbi yorhwebelwano ngokukodwa ngeemveliso zolimo. Ngaphambili iimveliso zeli eziquka inyama yenkukhu bezingangeni eBotswana, kodwa zithengiswa ngaphandle kwengxaki ngoku.