Kuyimbuqe nje ezikolweni!

Phambili phaya, umntu esakholose ngembeko nentobeko, ubusithi xa ucinga okanye unomfanekiso wesikolo engqondweni, kuthi thaa indawo enocwangco; indawo ezolileyo; indawo enomthetho; indawo egunyazisa intlonipho; ukuziphatha kakuhle; ululeko kwanokuzimisela.

Khawukhe uye kutyelela nakwesiphi isikolo kwiindawo esihlala kuzo kule mihla, ukhangele ukuba kwezi mpawu zesikolo ndizikhankanyayo zingaphi na onokuzifumana!

Inene uya kubuya nemband`esikhova. Phambili phaya, ititshala ibihlonitshiwe, ixatyisiwe, ingumkhomba-ndlela eluntwini, inguvimba wolwazi entlalweni, kwaye ngeliya lethu ixesha, ibisithi yakuthi gqi ititshala, inkwenkwe iwumince umoya nokuba ubusele ufuna ukuphuma, izikhuphe izandla ezipokothweni, imana ukuvova ide ibambelele nasentloko xa ithetha ngeenjongo zokunika imbeko, kuba kaloku idibene netitshala, idibene nomakhi wesizwe.

Xa iititshala zethu singasazixabisanga kwaye singasazihloniphiyo kwasentlalweni, sicinga ukuba abantwana bethu bakuzithobela njani ezikolweni? Bambi kuthi babeka ityala kootitshala ngenxa yokungaziphathi kakuhle kwabo, kanti elam lithi, ingxaki yembuqe echitha izikolo zethu, yeyethu sonke!

Izikolo zonke ziyafana akukhethe bala kungakhethe nqanaba lentlalo yaso. Kwizikolo zasemzini kugquba intswela-mbeko kangangokuba oonontlalo-ntle abajongene nempilo yabafundi neyeetitshala ngokwasengqondweni nangokwesimo, bahlala bexhalabile kuba iititshala neetitshalakazi kwezo zikolo zinxunguphala kangangokuba zikhethe ukushiya phantsi ezikolweni. Abo banyamezela ukuqaqadeka kwabantwana besikolo, ngokwengxelo yaba nontlalo-ntle aba titshala ubabona ngeempandla, ukuxuba ezinweleni, ukuncipha kwemizimba nokuhlala benamehlo abomvu alatha udandatheko emphefumlweni. Aba nontlalo-ntle batsho ngazwi linye ukuba iititshala ziphela zizifulathela izikolo, ngenxa yesimilo sabantwana bezo zikolo, bantwana abo bageza ngokungathi batweze itakane!

Yiya ke ngoku kwizikolo zethu mz`ontsundu! Kwekhu! Kuthi mandikhale, kuthi mandithi vuleka mhlaba ndingene! Ootitshala bethu bafundisela kumagumbi aphuphumayo, amagumbi ambethwe lixhala nenkxalabo endaweni yemfundo enika umdla nenokwakha isizwe.

Kootitshala endikhe ndaphefumlelana nabo, bambi kubo ngabo ndibe nethamsanqa lokuya kubahlola kwezo zikolo bafundisa kuzo nanjengamhlohli ofundisa iititshala ukufundisa, bathethe kabuhlungu. Bambi kubo bakhala ngokhuseleko olungafaniyo nolungalinganiyo phakathi kwezikolo zethu xa zithelekiswa nezo zasemzini.

Bambi kubo bakhale ngabazali abahambela kude ezikolweni bade bangaluthathi noxanduva lokuza kwiintlanganiso zezikolo, ntlanganiso ezo zinokuba nemikhomba-ndlela kwindlela ekunokuliwa ngayo imbuqe nobundlobongela ezikolweni. Into egqamayo kubazali kukubeka ityala kwiinqununu nakootitshala xa kugquba isigezo; ukuqaqadeka; ubugebenga nobubhovu-bhovu ezikolweni. Abazali balibala nto inye mawethu, kaloku imbeko iqala ekhaya!

Mawethu phambi kokuba iminwe ikhombe, ize igxeke iititshala nezikolo, uphando luthi masazi nto inye, ikhaya elingenacwangco, ikhaya elingenandlela yakululeka abantwana balo, ikhaya elinobundlongo-ndlongo, ixesha elininzi kwelo khaya kuphuma umntwana ondlongo-ndlongo.

Sithi nokuba isikolo sinezicwangciso ezigqibeleleyo zokulwa imbuqe, intswela-mbeko nobugebenga kumasango esikolo, singaphumeleli xa abazali emakhaya bengaqeqeshi, singaphumeleli xa nentlalo ingamanyenanga ekulweni ukusa nokuqaqadeka ebantwaneni.

Kulaa mhlaba wakwaMlungisi naseKhubusi eCumakala, ndikhe ndabona ukumanyana kwabazali, iititshala, amagosa ezomthetho, iinkokheli zezenkolo kunye namagosa karhulumente wasekhaya. Intsusa yolu manyano ibikukuxakana nabantwana abalwa amadabi, abantwana abafuna ukulawula izikolo nentlalo ngokusebenzisa iziyobisi, ukuhlinzana ngezikhali ezingaziwayo ukuba zingena njani kumasango ezikolo zethu, abantwana abenza unothanda baphathe ngoku bephethwe, bantwana abo bebezibiza ngegama lokuba bangaMAPHARAPHARA! Aba bantu baseCumakala ndibakhankanye ngentla apha babiza umhlangano, bamanyana, bavuma ngazwi linye ukuba intlalo iza kubuyiselwa kwisimo sayo, ngokuthi umntwana ayazi indawo yakhe!

Abo bantwana bebesele bephelelwe zizimilo, babanjwe ngabanye ngabanye, bayalwa abevayo, bakatswa kanobom abangevayo! Ngoko nangoko entlalweni kwagquba ukhuseleko noxolo, ngoko nangoko ezikolweni kwagquba imbeko, intlonipho nokuthobela umthetho! Mawethu asikwazi ukuvumela abantwana basiphathe kwaye benze unothanda sikho! Silibele kusini na ukuba aba bantwana ngabazali bezizukulwana zethu zangomso?

Mzi ngamnye mawugunyazise umthetho, imbeko, intlonipho nokuba ngcathu kwiziyobisi kubantwana bethu, ukuze oku kuphumele ezikolweni, ukuze abantwana bethu bafunde ngokukhuselekileyo nangempumelelo! Umanyano ngamandla bahlali!