Kuyingozi ukuqhomfela isisu ezikoneni!

Amatshantliziyo ngethuba encothula amaphepha oogqirha bomgunyathi abakhupha izisu ngokungekho semthethweni edolophini eMonti. UMFANEKISO: KING MFUNDISI

Iinzame zokususwa kwamaphepha abhalwe oogqirha bomgunyathi abakhupha izisu axhonywa kumadonga edolophu, zibonakala zibatyhafisa abo bangamatshantliziyo kuba kuye kuse ekhona loo maphepha nangona nje ebesuswe ngezolo.

Kodwa noxa kunjalo, imibutho elwela amakhosikazi nabantwana kwanamalungelo oluntu ithi ayizukuphela mandla, iza kuthi gqolo iwancothula.

Ezi nzame ziza emva kokuba iBumb’ iNGOMSO, iBeyond Zero, iSebe lezeMpilo kwakunye nelezeMfundo bethe bhazalala kwidolophu yaseMonti ngempelaveki bencothula la maphepha kwiipali nakwizakhiwo zale dolophu ngeenjongo zokusindisa abantwana abangamantombazana kubungozi bokuqhomfa isisu ngokungekho semthethweni.

Isebe lithi zikhona iindawo eziphucukileyo kwaye ezisemthethweni apho ubani anokuya kuzo ukuyokukhupha isisu hayi ngondlelamnyama.

UEsethu Sotheni, ongumququzeleli kwiBumb’ iNGOMSO, uthi benza oku ngeenzame zokufundisa ngobungozi bokukhupha isisu kwiindawo ezingekho mthethweni, nalapho athi kwanele ngoku.

“Sizama ukuxhobisa amakhosikazi amatsha ngobungozi bokukhupha isisu kwabagqirha. Kwaye sikwalapha ukubafundisa ngolwazi olutsha abonokuthi balusebenzise ngokuzikhusela kwabo ekukhulelweni phambi kwexesha, ukusuleleka kwabo kwizifo kwaye sikwabafundisa nangohlobo abanokuthi bahlale bekhuseleke ngalo,” utshilo uSotheni.

Owayengumfundi eFort Hare, uLuya Matshaya, uthi ukukhupha isisu kuyinto evumelekileyo ngokomthetho weli lizwe, ubani unalo ilungelo lokukhupha isisu, kodwa aye ngaphambili kwiindawo ezikhuselekileyo nezisemthethweni.

Inenekazi elincokolele I’solezwe elingavumanga negama lalo lithi ngamanye amaxesha ungade uzibone usiya kwaba gqirha bomkokotelo kuba abasokolisi, benza obacela ukuba bakwenze. Uthi kwezi ndawo zigunyazisiweyo uqala ngokubuzwa imibuzo emininzi uphele sele utshintsha iingcinga, ungasikhuphi isisu.

“Ngamanye amaxesha ude uphele ungasikhuphanga isisu kuba ukhe ucetyiswe, uboniswe, oko kuyanceda ke nobeneentandabuzo. Kodwa kongathathi ntweni asokole nomntwana lowo sele ekhona, babe bengekho aba babekucebise ukuba sukusikhupha.

UNocollege Tyani oligqirha nowaziwa ngelikaMaMpinga, eZiphunzana uthi nangona nje ukukhupha isisu kuvumelekile kodwa ngokwesiNtu iba nemiphumela emibi kubom bomntu. Uthi kungoko kufuneka uyichazile ekhaya ingapheleli kugqirha qha, kwenzele uhlanjwe uzokwazi ukuphinda ukhulelwe xa ukulungele, kuba oko kungakuvalela ezintweni.