Kuza imvula yentsini ePort Alfred naseMonti

TD JOKES

IMONTI nedolophu yasePort Alfred ziza kube zikhuphisana ngokuba zezona dolophu zentsini kwimpelaveki ezayo nanjengoko amaqhula aziwayo aza kuhlanganisana khona.

NgoLwesihlanu, umhla wesithathu kweyeThupha 2018, inzalelwane yaseQonce uThembinkosi Dike, owaziwa njengoTD Jokes, uza kube eseMyPond Hotel ePort Alfred nalapho aza kube esiza neTD Jokes Live.

Olu luhlobo olutsha lwenkqubo yokuhlekisa kaTD Jokes nayihambisa iidolophu eziliqela.

UTD Jokes uxelele I’solezwe kule veki ukuba “IPort Alfred yenye yeedolophu engafane ixhamle kwimisitho yamaqhula, kungoko ecinge ukuyizisa khona iTD Jokes Live.”

Ngale mini, uTD Jokes uza kube ekhatshwa ngosakhasayo kwiqonga lamaqhula uThe Big Deal. Olu lonwabo luphathelwe abantu baseCawa, luza kuxhanyulwa nangabo baza kube bendwendwele le dolophu intle kunene nethandwa kakhulu ngabakhenkethi.

Oza kube ebhexesha umcimbi ngobu busuku nguDee Lukes ongumsasazi weTruFM. Amatikiti ayafumaneka eMyPond Hotel ngeR100 kuphela.

NgoMgqibelo umhla we4 kweyeThupha, iTD Jokes Live iza kube iseThe Square Lounge eMonti.

U-TD Jokes, obekhe wanqaba emehlweni wabantu iminyaka emibini, uthembisa abantu ngeziqhulo ezitsha.

“Ndiza kube ndihlekisa ngezinto ezintsha, kodwa ndakufane ndibaphe kwezo zindala abo baza kube beqala ukundibona.”

Iminyango ivulwa ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa!

Sisathetha ngentsini sinjalo, eHemingways baza kuyothula phezulu intsini ngoMgqibelo umhla wesine kweyeThupha nanjengoko iza kube iyeyokuqala kulo nyaka iCombo.

USifiso Nene, uMpho Popps Modikoane, uSiya Seya noTumi/Stopnonsons baza kwabelana ngeqonga. Amatiki ayafumaneka eHemingways ngeR150. Ungaphoswa!