Kuza kuhlolwa umgada kuzo zonke izilwanyana zelali yesihelegu kuQumbu

IMAZI yenkomo ehlasele yabulala inkosikazi yaseQengqane eMdeni kuQumbu ifunyaniswe ingenamgada ngoogqirha bezilwanyana, kodwa amagosa agqibe kwelokuba zihlolwe zonke izilwanyana zale lali.

Oku kuza emva kokuba utitshalakazi uZininzi Mthethandaba ethe wabhubha ziintlungu esibhedlele emva kokuhlaselwa yile nkomo ebisandula ukuzala ithole.

Emva kokuthi ndi kwesi sihelegu, oogqirha bezilwanyana bayile kule lali. Balwenzile uhlolo kule mazi kodwa bayifumanisa ingenazimpawu zamgada. Kukhe kwathatyathwa isigqibo sokuba ibulawe le mazi, kodwa umnini wayo uye akahambisana neso sigqibo.

“Isebe (loPhuhliso lwamaPhandle nezoLimo eMpuma Koloni) liyaqhuba nokuthethana nomnini wale nkomo ukuze isiwe eDohne (iziko lezilwanyana eliseCumakala), ihlolwe nangakumbi. Kwakhona isebe liza kubamba usuku lwengcaciso (Information Day) ze kugonyelwe umgada kuzo zonke izilwanyana zaseMdeni,” utshilo uAyongezwa Lungisa, othethela isebe, ekwathi kukho indibano kule lali iza kubanjwa ngoLwesithathu.

Abosapho bathi uZininzi, obehlohla kwisikolo iNcoti Primary, ubhaqwe ekhala ehlaselwa yile nkomo. Imhlasele nangakumbi apha emilenzeni kangangokuba inyama ibide yaxobuka, kwavela amathambo. UZininzi ubhubhele eNelson Mandela Academic eMthatha ze wangcwatywa kuMgqibelo esiwushiya ngasemva.

UMphathiswa wesebe loPhuhliso lwamaPhandle nezoLimo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, udlulise amazwi ovelwano kusapho lakwaMthethandaba.