Kuza kushiyana oomama ukondla

Ibiyinkungu nelanga ngoMgqibelo odlulileyo kwisixeko saseBhayi ngelixa abalandeli be-ANC bebesemcimbini wokuphehlelela umqulu wezithembiso zolonyulo loomasipala basekhaya nolubekelwe umhla wesithathu kweyeThupha.

Nangona kuqapheleke okokuba uninzi lwabantu alukunanzanga ukuyokumamela intetho kaMongameli Jacob Zuma kwibala lezemidlalo, endaweni yoko lakhetha ukuyokuba ngabakhenkethi echwebeni nakwiziphaluka zesixeko, akuthandabuzeki okokuba umbutho we-ANC uqule waligangatha.

Kukhangeleka ngathi kuza kushiyana oomama ukondla njengoko kulindeleke namanye amaqela ezopolitiko alandele ekhondweni ngokuphehlelela eyawo imiqulu yezithembiso zolwenyulo, aphinde azise eluntwini abagqatswa abagaqele izikhundla zokuba ngooceba.

Kaloku urhulumente wasekhaya usisipili esibonisa amandla aphembelela okwenzeka elizweni jikelele ngokwezopolitiko nezoqoqosho, amaqhina nemiqengqelezi ejikeleze intlalo yethu sonke nesithi sithathele phezu kwayo izigqibo malunga nokokuba ngubani omakalawule emva kolonyulo.

Ngala mahla-ndinyuka aza- kugweba okokuba izithembiso zolonyulo ezenziwa ngamaqela ezopilitiko ziyamkeleka na okanye azamkeleki eluntwini. Kuza- kubonakala ngeziphumo zohlobo abantu abazakuvota ngalo nenani labazixhamleyo bayokuvota.

Okokuqala, kulwenyulo lorhulumente wasekhaya kukho amaqela ezopilitiko anabalandeli kuphela kwiindawo ezithile zasekuhlaleni hayi kuzwelonke okanye ephondweni jikelele ngaloo ndlela anikeze abavoti uluhlu lweenkokheli abangaketha kulo olungqamene ncakasana neendawo abahlala kuzo. Okwesibini, uhlobo lokhuphiswano olujiyileyo lunikeza ithuba lokumelwa kwabavoti okuphangaleleyo okuquka amaqela ezopolitiko amancinci asekuhlaleni kunye namakhulu akuzwelonke.

Nangona lufanele ukuzisa ithuba elibalulekileyo lokokuba abavoti baxhamle kulawulo lwesininzi kwiindawo abahlala kuzo ngohlobo olubanxibelelanisa neenkokheli kunye namaqela ezopolitiko asekuhlaleni olwenza urhulumente aphendule malunga nezigqibo zolalwulo nophuhliso lwempilo yasekuhlaleli; akusoloko kunjalo.

Oku kukwadizwe kule veki iphelileyo yimeko yokuphuma ingqina kweenkokheli zikazwelonke ze-ANC, ziquka uMongameli Zuma, iSekela Mongameli uCyril Ramaphosa kunye nabaphathiswa bakazwelonke nabamaphondo, zithe bhazalala kwiilokishi zesixeko saseBhayi zingena umnyango nomnyango zigaya inkxaso yabavoti.

Ukuthontelana kwezinxibamxhaka emizini yabavoti ngolu hlobo zigaya inkxaso kuyenza ingaqapheleki into yokokuba eneneni isiqingatha sooceba abazakonyulwa ngabagqatswa basekuhlaleni (ward councilors).

Kungoko eminye imibutho yezopolitiko ikhuthaza abavoti okokuba bathathe inxaxheba ekwenyuleni abantu basekuhlaleni ababathembileyo njengeenkokheli namagama abo azakugqibela ekuluhlu lwabagqatswa abazakuvela ephepheni lokuvota ngomhla wolonyulo.

Zithi zakuthontelana njengoko kubonakele kwiveki ephelileyo iinkokheli zikazwelonke zizokugaya inkxaso yabavoti ngaphambi kolonyulo lorhulumente wasekhaya kubekho ukubethabethana kwengqondo malunga nokokuba ingaba ibalulekile na into yokuba ozigqatsela kwisikhundla sokuba nguceba uyaziwa ekuhlaleni okanye okubalulekileyo kukuba ulilungu lowuphi umbutho kusina na?

Oku kubethabethana kweembono kubonakale ngohlobo olulodwa ngelixa bekuxanjuliswana emaphephandabeni nakoonomathotholo ngephekepheke lebhodi yentengiso enemibala ye-ANC nebixhonywe kwisakhiwo esikwi Hill Road eKorsten enombhalo oqaqambileyo othi “Danny Jordaan, awuphathelwe ngokuzingca nguJacob Zuma”.

Nangona ekuqaleni bekungaqondakali umnini wesi senzo, kodwa ekuhambeni kwethuba ilungu le-DA * -Andrew Whitfield uye wakuvuma okokuba nguye oyalele ukuxhonywa kwale bhodi ngoLwesithathu weveki ephelileyo, “ngenjongo yokubonakalisa unxibelelwano phakathi kukaJacob Zuma kunye noDanny Jordaan” we-ANC ozigqatsela ukuba nguSodolophu weNelson Mandela Bay Metropolitan Municipality.

Okwangoku kubonakala ngathi lusengakekelela ekubeni yinkundla yokhuphiswano kwamaqela ezopolitiko kazwelonke yaye lusengaphazamisana nethuba elibalulekileyo lokuthabatha izigqibo ngamabavotelwe ngohlobo oluqinisa iintsika zolawulo lwesininzi kwiindawo esihlala kuzo nelimelwe kukusondeza urhulumente ebantwini. Kubonakala ngathi ngolo hlobo, lusengabhekelisela kude ebantwini upolitiko lwasekuhlaleni nekufanele okokuba lulo oluphembelela izigqibo zabavoti malunga nabona bagqatswa amababavotele ukuze balawule ngohlobo oluphucula impilo yethu sonke.

Ucingo luwile, kutsiba nezimithiyo!