Kulindeleke ukuba kubanjwe umthandazo zimvaba ngeemvaba zeli phondo kuquka isebe lesipolisa, isebe lokhuseleko kwakunye nezothutho ephondweni ngeenjongo zokususa isimnyaba kwilali yaseNyanga eNgcobo.
Oku kukususa ishwangusha emva kokuhlaselwa kubulawe amapolisa amahlanu ngaphakathi kwisikhululo samapolisa eNgcobo, kuquka nejoni ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga ephelileyo.
Ukanti namagqirha, amaxhwele neenkosi bazakube beyinxalenye egxotha isimnyama kule ndawo kuquka nentaba leyo ibinomzobo owazotywa leli bandla iMancoba.
Umthandazo uza kubanjwa ngentsimbi yeshumi ngomso umhla we18.
Ababezenza amapolisa baphanga usapho, baqhotsa batya inyama yabo!