Kuzakubanjwa umncgelele ngooNozitalato baseMthatha

Abathengisi ezitalatweni kwidolophu yaseMthatha kulindeleke ukuba babambe umngcelele okhalazela ukugxothwa kwabo xa bethengisa kule dolophu ngamapolisa kamasipala iKing abatha Dalindyebo.

Lo mngcelele uzakube usingise kwii-ofisi, zalo masipala, ngeliya kudlulisa ugxwebhu lezikhalazo kusodolophu weKSD. Uzakubanjwa ngomhla weshumi elinesithoba kule yeDwarha, ukusuka kwisitalato esikhulu iYork Road eMthatha. 


Imibutho ephikisayo kumasipala iKSD, equka iUDM izakuzibandakanya nalo mngcelele. Usihlalo weUDM, kulutsha uMziyanda Plam obhengeze oku uthe,  okwangoku basenza amalungiselo alomngcelele.

Uthi bengulo mbutho inye into abangenokuyimela: “Kuqweqwediswa kwabathengisi bekhuthswa ngaphandle kwedolophu. Kuthwa mabangagcwali kuba bayangcolisa kwaye bagcwalisa nedolophu. Kuyintlungu xa sibabona bebaleka xa kusithi gqi amapolisa kamasipala ebagxotha beshiya iitafile zabo babe bezamela iintsapho zabo,”utshilo uPlam