Kuzakunjongwa iingxaki

zamanina asemaphandleni

Wathinta umfazi wathinta imbokodo!! Lawo ibingamazwi amaqhawekazi nasele ezinkondekazi zombutho olawulayo i-ANC ebezizalise iziko iSteve Biko eQonce izolo ngethuba isebe lophuhliso loluntu ephondweni lisungula inyanga yamanina.

Umphathiswa weli sebe uNancy Sihlwayi uthi, ukubhiyozela lenyanga kuthetha lukhulu nanjengoko ibubungqina bempumelelo yamanina nawathi enza umngcelele ngonyaka ka 1956 esiya kwindlu yomdibaniso ePitoli ngeliyokulwela inkululeko kumanina.

USihlwayi uthi le yinyanga evuyisa kakhulu ingakumbi kumanina amatsha nanjengoko bezakuthi bafunde nto koomama bonyaka ka1956.

“Sikufanele ukunikwa imbeko sihlonitshwe singa manina, kwaye amanina kufanele ukuba athabathe inxaxheba kwiinkqubo zika rhulumente ngenzame zokulwa nendlala nangona abaninzi baphuma kumaphandle ekunzima ukubhalisa nekunzima ukuba angaqalisa ngaphi na xa efuna uncedo kumagosa.Kungoko singena ezilalini kuba siyayazi kukhona amanina angafundanga angayaziyo ukuba urhulumente sele efikile kubo.

Sizama kangangoko ukungena sibabonise ukuba urhulumente ejongenene nabo badandatheke ngokwemiphefumlo.

Kule ngxowa-mali kuquka abatsha kwanabo bakhubazekileyo. Osele esidla umhlala phantsi kulo mbutho we-ANC uVivian Citeko uphose amazwi kumanina asakhulayo esithi ukuze abe kanti ayafikelela kule minyaka akuyo, ayikho into eyogqitha ukumamela kwabadala esele bekhe bagaxeleka kubunzima obabujongene neli lizwe kwanokuzi bandakanya neenkomfa ezidibanisa ulutsha ukanti nakwezo zidibanisa abadala ngenzame zokwakhana kwanokukhula ngokwengqondo.

Usihlalo wamanina kwigqugula le-ANC epalamente eBhisho uDebra Komose uthi mabazikhathaze abantu abatsha ngokuhamba iinkomfa. “Eyasincedayo thina into kukubambelela kwabamama, samamela silapha nje awungeze ukwazi ukuqala ishishini ukwiminyaka engamashumi amathandathu kungoko kufuneka ulutsha lwamanina luqale besebatsha umntu akhule nayo.

Vukani nizimisele kungafihlwanto kuthethwe ningavumeli kuxhatshazwa,” udize oko uKomose.