Kuzakuqiniswa ukukhangelwa kwechiza le-HIV

Kuzakuqiniswa ukukhangelwa kwechiza likaGawulayo, oku kutshiwo yi-International Aids Society (IAS), nalapho kwiveki ephelileyo idandalazise izicwangciso nemigomo yonyango yayo.

Eli nyathelo-sicwangciso ‘’sesinye semigomo yezempilo ebalulekileyo sexesha lethu, sonyango le-HIV’’, sipapashwe kwiveki ephelileyo ngulind’ ixesha ohloniphekileyo iNature Medicine.“Akukudalanga, bambalwa bebebona ukufumaneka kwechiza losuleleko le-HIV njengento engafezekiswa ngenye imini,” utshilo uFrancoise Barre’-Sinoussi, nongomnye woosihlalo be-IAS kwiphulo iTowards an HIV Cure. Sibulela iingxelo ezize ngaphambili zezigulana eziye zanyangeka okanye ezikwazileyo ukulawula intsholongwane emva konyango, uBarre’- Sinoussi uthe, “uphando lokugqogqa ichiza luphambili kuphandonzulu elingoGawulayo.”

UBarre-Sinoussi, ongumphathi-nzulu wamachiza waseFrance (Virologist) , wathiwa jize ngeNobel Prize for medicine ngenxa yomsebenzi wakhe okhokelele ekubhaqweni kwechiza lentsholongwane kaGawulayo. Noxa kunjalo, ngokutsho kukaNjingalwazi Francois Venter wecandelo lempilo langasese nephulo le-HIV kwiYunivesithi yaseWitwatersrand, asinakoyama kunyango ukuze sibone kuphela isifo sikaGawulayo.

“Okundikhathazayo kokokuba ichiza likaGawulayo ngumngeni omkhulu wezobunzululwazi oseza kuthabatha ixesha elide ukuba ufezekiswe ngelixa ukuthintelwa kukagawulayo ikuko okusasebenzayo, sidinga ukuhlala sigxile apha ekufumaneni isithintelo,” utshilo.

Nangona kunjalo, inkxaso-mali yophando-nzulu lechiza iqhubekeka isonyuka nanjengoko i-201.8 yezigidi zedola yaseMelika zichithiwe ngoka-2015 ngelixa iyi-106.8 yezigidi zedola yaseMelika ngo-2014, abehlabathi abalindanga chiza ukuze kunqotywe uGawulayo kwaye bazibekele imigomo ethile yokuphelisa uGawulayo ngo-2030, sivumelwano eso satyikitywa zizizwe eZimanyeneyo (UN) ebutsheni benyanga yeSilimela.

Lo mgomo ka-90 90 90: uthi ngo-2020 , umyinge ka-90% wabantu abaphila ne-HIV kufuneka babe besazi isimo abakuso, umyinge ka-90% wabantu aba-HIV kuzakufuneka babe bekunyango ngelixa umyinge ka-90% wabo bakunyango kufuneka babe bekwiqondo elisenzantsi lentsholongwane esegazini.

NgekaCanzibe, uAaron Motsoaledi wabhengeza ukuba, ngenyanga yoMsintsi kulo nyaka, wonke ummi weli loMzantsi Afrika onentsholongwane kaGawulayo uzakube ekunyango, endaweni yokulinda kwehle izinga lamajoni omzimba.

Ngelixa uMzantsi Afrika unenkqubo enkulu yonyango le-HIV kwihlabathi, abantu abakwi-3.4 yezigidi bekunyango le-ARVs, ngaphaya kwesiqingatha sabemi beli abanentsholongwane kaGawulayo abakabi kunyango. UVenter ukholelwa kwelokuba ukufika kumgomo wokuqala womyinge ka-90% kuzakuba nzima kweli lizwe, ukuvavanya i-90% yabantu aba-HIV kuzakuba nzima. “Asikasondeli nakancinane ekufikeleleni ku-90% wokuqala, nanjengoko * -40 no-50% wabantu ungekavavanyelwa iHIV. “