Kuzakusasazwa amajoni eKapa!

KUZAKUSASAZWA amajoni kwindawo ezinobundlobongela eNtshona Koloni phambi kweeholide zeKrismesi, utshilo uMphathiswa wezamaPolisa uFikile Mbalula kwinkomfa yoonondaba kwisikhululo samapolisa ePhilippi East.

“Lo nto izakwenzeka phambi kweKrismesi. Sisayiphonononga le nyewe ze emva koko umongameli awakhulule,” utshilo.

UMbalula uthe iSouth African National Defence Force ayenzi msebenzi wamapolisa, koko yenza umsebenzi othile ngelo xesha ilisikelweyo. “Asifuni abahlali bazive bephantsi kohlaselo xa amajoni efikile. Xa umongameli etyikitya kufuneka awazi ukuba asiwaphi amajoni, ezakuhlala ixesha elingakanani, ezokulungisa ntoni. Azakusasazwa kwiindawo ezigquba ubundlobongela apha eKapa.”

Uthe babanjiwe abarhanelwa abane abatyholwa ngokubulala abantu abayi 11 eMarikana ngeyoMsintsi kowe-29.

UMbalula uthe. “Omnye umrhanelwa usabalekile kodwa azakumfumana amapolisa kungekudala.  Iilanjongo zethu kukubulwa buphele tu ubundlobongela.”

Umkomishinala wamapolisa kweli phondo uKhombinkosi Jula, uthi aba barhanelwa babanjwe ngoMvulo kwaye ngabahlali baseMarikana.

“Omnye ubanjwe kuKomani eMpuma Koloni. Bazakuvela enkundleni kungekudala,” utshilo.

Umphathi kwisikhululo samapolisa ePhilippi East uBongani Mtakati, uqhwabele izandla amalungu eNeighbourhood Watch ngokubanjwa kwaba barhanelwa.


“Ukuba ibingeyonxaxheba yabo ngebesadakasa endleleni aba barhanelwa. Bathabathe inxaxheba yokungena kumzi ngamnye befuna umkhondo, bencedisana namapolisa. Bacenge abahlali ukuba mabeze nolwazi abanalo ngaphambili. Yiyo lo nto sibhengeza ngabantu ababanjiweyo ngoku,” utshilo.

Ilungu leNeighbourhood Watch uNondumiso Mabentsela uthe, “La nyhikityha yokufa yangala mini yasenza siqonde ukuba siphethwe zindlobongela.  Yiyo lo nto siye saqinisekisa ukuba ziyabanjwa ezi ndlavini.  Emva koko zange siphumle sindwendwela abahlali bonke ezindlwini zabo, sibakhuthaza ukuba bayeke ukoyika iintswelaboya. Nangona kwakunzima kodwa ndiyavuya basimamela bagqithisa umkhondo emapoliseni. Namhlanje sibhiyozela iziqhamo zomsebenzi wethu,” utshilo.

Malunga nokwakhiwa kwesikhululo samapolisa esitsha ekuyiminyaka abahlali baseNyanga basilwela, uMbalula uthe umhlaba sele ufunyenwe, ethembisa ukuba kungaqaliswa kunyaka ozayo ukwakhiwa.